‘Wenzantoni ngoku?’

‘Ndingena kwi memory ye cell ne sim card, ndifunubona ii SMS ezicinyinyiweyo’. Utshilo uSongezwa. Ndiqinisekile sizofumana something esingayisebenzisa.

‘Hayi bethuna’ . Utshilo uK8. ‘Akulunganga ukungena iindaba zomntu ngaphandle kwemvume’.

‘Hayi wethu, kungenzeka usengozini ubona nje’ uye watsho uSongezwa. ” Enye into seningenile efowunini yakhe’.

‘Ewe, kodwa besingafuni ii SMS ezicinyiweyo’. Utshilo uSbu.

‘Yintoni umahluko?’ uye watsho usongezwa.

‘Khawucinge nawe izinto ozicimayo efowunini nembangi yokuzicima’. Utshilo uAirtime.

‘Sekuleyithi kodwa ngoku’ Uye watsho uSongezwa. “Nazi iiSMS ezicinyiweyo’.

Uluhlu lwee SMS ezicinyiweyo luye lwehla eskrinini seKompyutha.

‘Yho’ uye wakhuza uSbu.

‘Yintoni?’ ubuzile uK8, ekhangela naye.

‘Ezi zivela kule ou imlandelayo’.

‘Yho’. Uye wakhuza uAirtime. ‘Iphambene nyani le outhi.’

Zabe zisihla iiSMS.

‘NDIZAKUFUMANA NOBA UNGAYAPHI’.

‘NDIKUJONGE NGOKU NDITHETHAYO ADELLE’.

‘SUKWENZA NGATHI AWUNDIBONI’.

Emva koko

‘NDIZAKUBULALA, NDIZAKUKUBULALA’.

Uye wehla kancinci umoya,kwii SMS.

‘KUNGAMNANDI UKUKUBONA KWAKHONA’.

‘BEKUMNANDI UKUKUBONA.’

‘ENKOSI NGEXESHA LAKHO.’

Owukuqala umyalezo wawusithi:

‘NDIYAVUYA NGODLIWANO-NDLEBE LWETHU. UNJANI U 12PM KWI OFISI YE DAILY EYE? JOHN.’

‘Yila ntatheli.’ Uye watsho uSbu. ‘la ntatheli ye Daily Eye.’


Intatheli yayilandela uAdelle! Uyiqajile loo nto? Ubuqaje ukuba ngubani?