Ngemin’elandelayo nge lunch, uSbu no Airtime bamfumene ehleli yedwa uSongezwa kwenye yezitulo ngasebaleni lokudlala lase skolweni.

‘Jonga man, uxolo ngala weyi yayizolo’ utshilo uSbu. ‘Ndiyavuya ukubona eskolweni.’

‘Ingathi ngowungayiqheli sana’ utshilo uSongezwa. ‘ Ukufumana kwam umsebenzi nje, ndimkile. Ndizile namhlanje kuba ndisonqena ukuphinda ndilwe ne oledi’.

‘Kutheni ungezanga uzobulisa emva kwemetsh nje?’

Uxolo’ utshilo. Bendisonqen’ubendichaz’intwe ninzi wethu’.

‘Suba newari. Sizitshomi zakho andithi. Singayimela yonke into osixelela yona’. Utshilo uAirtime. Uye wayicinga lento okwexeshana, wathi, ‘Ukuba nje ungalibala indlela esiye saziphatha ngayo phezolo’.

U Sbu uye watya kunye naye i lunch yakhe, uAirtime waphumelela ukumenza akhululeke.

Umxelele yonke into ngoAdelle ne cellphone, ngabula Airtime, into ethetha ukuba yonke into owayemxelela yona yayibaxiwe. Umzekelo, pha embadleni waya walwa nenkumbula yezinja zoorhata eyedwa, landoda yase Hyena yayijike yasi sigantsontso esinje ngo Hulk, uSbu ethenjiswe ngu Adelle ubuqu ukuba uzakumsa eHollywood ukuba uyisombulule indaba ye cellphone.

Emva kokuba egqibile ukubalisa uAirtime, uSbu uye wanyanzeleka abalise yonke into njengokuba injalo.

U Songezwa wayechazekile yindlela abalise ngayo uAirtime, ehleka nokuhleka kodwa eka Sbu yamenza wanomdla. Ukufumana uAdell yayinto angayithanda, waye ngayonwabela intsumantsumane elolu hlobo.

Akugqiba ukubalisa, uSbu uye wambuza ukuba unecebo na.

‘Hmm. Ndinalo icebo elinokusebenza’. Utshilo uSongezwa. ” Andithembisi nto kodwa singalizama’.

‘Yintoni leyo’.

‘Ayikho ‘mthethweni.


Ucinga ukuba uSongezwa uzakwenza ntoni?