“Utheni!” wabuza uMadevu ngeliphantsi ngoku.

“Uxolo tata,” watsho uSindiswa ebona lisibekele ngoku kuyise.

“Yima ngoxolo. Ndifuna ukuva ngaleya yokuqala nokuba yenzeke njani na,” watsho uMadevu ejonge intombi yakhe eyayihleli ngentsula enye ngoku.

“UThami sasingazi ukuba kuzoba nje. Ngoku ufuna ukuzokundicela apha ekhaya,” watyatyadula watsho uSindiswa.

“Inkomo ingazala umntu mhla wena watshata nalantwana. Khona ingahlawula ngantoni xa inoza apha? Khona ndingajongwa njani xa inokwaziwa into yokuba umithiswe ngumntu oncedisa kowenu?” watsho lomfo efutha ngumsindo.

“Ungajongwa njani tata? Abantu bazakujonga kuwe? Tata, ndim omithiyo. Ubungakhathali ngokuya wena ubundikhethela ukuba nandingathandani noThamsanqa. Yamkela uThamsanqa sidlule kuyo yonke lento. Mnike umsebenzi apha aphangelele intlawulo de agqibe,” watsho uSindiswa.

“Unexesha elingakanani uyicinga ke leyo? Kuba ingathi unezigqibo kuyo yonke lento,” wabuza uMadevu.

“Tata, undithathele izigqibo ubom bam bonke. Ndicela usiyekele kum esi sikaThamsanqa. Sisigqibo ekuzofuneka ndihlale naso ubom bam bonke. Andifuni ukuthi xa ndixakekile ebomini ndisole omnye umntu ngesigqibo esabutshintshayo. Ndicela wamkele okwenzekileyo njengokudaliweyo kuqhubeke ubom,” watsho uSindiswa ecuntsula nakule yabantwana ngoku.

Wathoba umoya uMadevu akuva intombi yakhe ithetha ngoluhlobo. Waphethuka wayijonga ebusweni, wafika ijonge phantsi phambi kweenyawo zayo.

“Uthi ndithi kulontwana bangakhe balinge bafike emva kwexesha apha. Mna ndinezinto ekumele ndizenze ngoLwesine. Hamba ke ngoku uye egumbini lakho,” watsho uMadevu eguqukela kumabonakude.

Waqonda uSindiswa ukuba noko ngoku lisile kuyise. Waphakama wamphulula apha egxeni akugqiba wahamba ukuya egumbini lakhe. Watsala umnxeba waxelela uThamsanqa ukuba konke kumi ngendlela.

Wafika uLwesine kwaxoxwa kwafikwa kwisigqibo sokuba uThamsanqa makayophangelela isisu kwaMadevu. Kwathiwa ngamawabo uza kunyuka nengalo amenze umfazi lomntwana. Saba lapho kengoku isigqibo kohlukwana kanjalo.

Nantsi uMadevu awayengayazi, kukuba uSindiswa wayeyithanda lentwana ngokugqithisileyo. Kwaye eyomithisana babesayizama okwangoku kwaye babeyonwabele kuba abazali babeyilindele.

Kwathi xa kuphela inyanga yokuqala, wamitha nyani uSindiswa. Wavuya kakhulu uThamsanqa kukuba ezakuba ngutata womntwana kaSindiswa. Wasebenza ngokuzimisela ke uThamsanqa kwaMadevu de wagqiba ukuhlawula uSindiswa. Wathengelwa inqwelo kawonke-wonke nguMadevu ukuba aqale ukuphangelela umzi wakhe.

Ngoku uThami noSindi banomzi eMthatha neshishini lokhenketho phakathi koMthatha, iKapa neGoli.

Xoxa: Ulithandile eli balana? Ewe? Hayi? Ngoba?