Wothuke ngentsimbi yesine ekuzeni kokusa xa kuvela ums’obomvu kanye. Wahlamba walungiselela imini elandelayo ke. Wayefuna ukuba ingamdibanisi noyise uMadevu.

Kwakufika ixesha waphakama nje wathatha isitshixo ukuze avule ivenkile. Ngalemini kwakukho izinto ezizakuziswa yilaguru-guru kwakusasa.

Yathi yakufika lenqwelo wema apha emva kwayo elindele kugqitywe ukukhutshwa iimpahla. Wathi bakugqiba wangena ngemva engaqatshelwanga wajonga kwindawo ekukrazukileyo kuyo. Wafaka umnwe wabuya nephepha elibhaliweyo. Walifaka emabeleni wangena evenkileni walungisa izinto ngeendawo zazo.

Akugqiba wajikela emva kweengxowa zamazambane wachopha efunda.

Nkosazana Emhlophe.

Andifumananga xesha laneleyo lokuxelela okwenzekayo ebomini bam. Uzulandelise kwakulaposi yesiqhelo xa kukho emandikwazi. Mna bendibona ukuba masibaleke siye eKapa kumntakwethu ohlala eStrand eLwandle. Simxelele utata wakho xa sekuphethiwe. Ndicinga ukuba kulapho sinokuphumla singajongi emva ngoloyiko oluphezulu. Ungaxeleli mntu ngalento yonke xa iphela.

Okuthandayo,

Thamsanqa.

Ngemini elandelayo kwafika impendulo kuThamsanqa.

Thami Wam

Ndinecebo elilula mna elingazusisa ndawo. Kodwa lizofuna sidibane nawe kuqala siliphicothe. Uzolithanda xa ndikucacisela ngalo apha. Linda ke sthandwa sam de sidibane kuqala ngoMgqibelo waleveki izayo ndiya eMthatha, masidibane phaya eMjikweni ngeyeshumi elinanye emini.

Othanda wena,

Sindi

Badibana ke eMthatha bahamba bayotshona kwigumbi ahlala kulo uSindiswa. Bavalelana kwatshona ilanga kwavela elinye besavalelene apho. Kwade kwafika ixesha lokuba ahambe uSindiswa agoduke. Wahamba eshiya uThamsanqa endlwini yakhe ehlala yedwa. Yaphela inyanga uSindiswa egoduka ngempelaveki abuye emva kwemini ngeCawe.

Namhlanje uyagoduka kungoMgqibelo. Kowabo ebelindelwe izolo njengesiqhelo.

“Thami wam, imini ebesiyilindele ifikile namhlanje. Ukulungele ekufuneka ukuthethe xa kufika ixesha?” wabuza uSindiswa.

“Uqinisekile ukuba wena ukhuselekile xa enomsindo utata wakho?” wabuza uThamsanqa.

“Ewe. Mna ndisizela wena qha kuyo yonke lento. Kwakutheni ukuze singavele sibalekele kwenye indawo kakade?” wabuza uSindiswa ebonakala ukuba akonwabanga tu.

“Kaloku omnye usisi wathi elicebo lakhe lingcono,” watsho uThamsanqa epheca izandla.

“Kulungile ke, ukuba uyandigxotha ndimka nawe siye eKapa njengoko ubusitsho,” watsho uSindiswa ethatha impahla yakhe ukuze aye ezilalini.

UThamsanqa wayezakuphelela apha edolophini eXhora. Kwakuzawuthi ukuba izinto azihambanga ngandlela, badibane eposini ngemali kuyiwe eKapa.

Wafika uSindiswa kowabo sebecinga ukuba ebengazubuya kuleveki. Wangena wabulisa wabuza impilo kubo bonke endlwini.

“Kutheni wafika ngelixesha mntwan’am? Ugxothiwe esikolweni?” wabuza uMadevu emjonge ngamehlo amabi.

“Kukho into endifuna ukukuxelela yona tata. Andi… andiyazi ukuba mandiqale ngaphi na,” watsho uSindisa echophe ngakuyise.

“Thetha ntomb’am. Ufuna imali yesikolo kwakhona?” wabuza uMadevu eqonda nje ukuba kukho into angazuyithanda. Wajika wonke wajonga kuSindiswa ebeke inqindi phantsi kwesilevu.

“Kuzawufika abantu apha ngoLwesine,” watsho umntwana.

“Ngabantu baphi abo?” kwavela umbuzo ebekungathi kudala ulindile emlonyeni kaMadevu.

“Ngabalapha eMadwaleni kuloThamsanqa,” watsho uSindiswa.

“Ukuba lontwana ndingayibona apha, ndingayibulala ngezandla. Ndakugqiba ndiyicudise amathumbu aphume onke apha emlonyeni. Uyandiva?” watsho uMadevu emana nokulinganisa ngezandla eshwabanisa nalemiqamelwana yesihlalo.

“Tata, ndikhulelwe,” abangathi ayazihambela loo mazwi kuSindiswa.

Amtsho wangathi ubethwe lizulu uMadevu. Wawukrazula phakathi lomqamelwana ingqondo yakhe ingekho apho. Elona gama lamisela ngengqondo ngu ‘ndimithi’ lo uphuma emlonyeni kaSindiswa. Lelona gama angazange walilindela kulomntwana ebomini bakhe.

***