Zihambile zafika ezindlebeni zika Madevu iindaba zokuba uSindiswa noThamsanqa bangumtya nethunga. Akayithatha ngandlela uMadevu leyo into. Wangqala ukuyibhebhetha loonto ngandlela zonke.

Wabiza uThamsanqa ecaleni wathetha naye njengendoda.

“Kwedini, ndithe mandize apha kuwe ndithethe nawe bucala. Yiya phaya ebuhlanti, ukhethe ithokazi legutsha oyithandayo ndikunike. Wena into endiyifunayo nje kukuba wahlukane nentombi yam uSindiswa,” watsho uMadevu.

“Ndicela into enye kuwe mna mnt’omkhulu, mayibe nguye ondilahlayo kanjalo,” waphendula umfana.

“Mazibe mbini ke mfo wam. Uziqhube ngoku ndingaphindi ndikubone apha kwam,” watsho uMadevu esathethela phantsi.

“Mandikubekele ngoluhlobo ke mnt’omkhulu. Nokuba ungandinika isibaya sakho sonke, andijiki sigqibo mna engatshongo uSindiswa kum,” watsho umfana eqonda ukuba ngoku uza kuyinyathela emsileni kwelixhego.

“Mamela apha ke mfo wam. Uphefumla nje kungenxa yenceba yam. Ungandilingi mfo wam, ndithi yahlukana nomntwana wam ukuba awufuni into embi. Ndakuwa ngaphaya kwakho mna ukuba awuqondi,” watsho uMadevu emnyola esifubeni.

“Mnt’omkhulu, ndicela undinike iveki ndicinge ngayo yonke lento,” watsho uThamsanqa ebuya umva.

“Nasi ke esam isigqibo kuwe, ndingaze ndiphinde ndikubone uhamba okanye uthetha noSindiswa. Uyandiva?” wanyanzelisa uMadevu.

“Ndikuvile mnt’omkhulu. Andinokwazi nokumxelela ukuba andisazu kumbona kengoku?”

“Hayi. Hamba apha kwedini,” watsho emtshova ukumkhupha phandle. Waba kanti umsebenzi uyaphela kuThamsanqa ngalomini. Wakhathazeka emphefumlweni wakhe, ecinga ngoSindiswa.

Yahamba iveki uThamsanqa engabonani noSindiswa. Wazulazula kulaMadwaleni ezama ukumbona nokuba uphuma kwenye indlu. Kodwa lomntwana wayecinga ukuba ulahliwe yiledyongwana inguThamsanqa.

Waphinda wakha elinye iqhinga uThamsanqa. Wafuna umsebenzi wokuncedisa kwizithuthi zikawonke-wonke. Wazama ukuziqhelanisa nomfana oqhuba iguru-guru ezisa impahla yevenkile kaMadevu. Wathi akumfumana ukuba ungumntu onjani wamana ukufaka iponti phantsi kwesiziba sesihlalo ze ayithathe bakubuya ekuseni ezompahla. Wayenza izihlandlo ezithathu bebuya nayo leponti. Yena wamana ukubancedisa ukukhwelisa impahla le.

Ngenye imini wadibana noManqolo xa wayesiya evenkileni wamnikela incwadi eya kuSindiswa. Wathi amnike ingabonwa ngomnye umntu phaya kowabo.

Wathi akuyifumana lencwadi uSindiswa wayifaka emabeleni. Wathi kwakuphuma uManqolo wayikhupha wayifunda.

Sindi Wam

Ndicela uxolo ngendlela endavele ndaduka ngayo. Utata wakho uyazi ngawe nam, futhi undityityimbisele umnwe ngalonto. Ukuba ndingabonwa nawe kwakhona angandenzela inkawu ngenja. Ndicela uzumana ukujonga phantsi kwelaphu lesihlalo sangasemva ekhohlo kulaguru-guru izisa impahla apho evenkileni. Iincwadi zam zizofika ngaloposi emva kwalena.

Okuthandayo,

Thamsanqa

Wathi akugqiba ukufunda wanomsindo ngakutata wakhe. Lonke elixesha ebetyhola uThamsanqa kanti ngutata wakhe unobangela. Waqhubeka wathengisa njengesiqhelo engabonisi nto imbi. Lade lafika ixesha lokuvala ivenkile, wenjenjalo ke uSindiswa. Akugqiba wasa izitshixo kuyise waya egumbini lakhe wangqengqa elila. Ude walala ekugqibeleni enxibe enjalo.

***

Xoxa: Umzali unelungelo kuni ekukhetheleni umntwana wakhe omakancume naye? Ungenzani wena ukuba ubunguSindiswa?