Nantso ke into yakho

Emva koko undishiye endibophelele esitulweni kuba engandithembi, esithi unentlanganiso engxamisekileyo uzobuya kungekudala. Ndithe ndakujikelezisa amehlo ndafika kukho imvulophu emhlophe ephezu kwetafile ephaya qelele. Ndizame ukuyifunda nzima kuba ibikudana ndafika ibhalwe idilesi engu:
Mr S Mxube
11101 Qumbu street
Brown’s Farm
Philippi
7785

NdisePhilippi eKapa, ndiqale noko ndanalo ufifi lwendawo eyiPhilippi ngokumane ndisiva abantu bethetha ngayo. Lihambile ixesha ndisazama ukucinga ukuba ngubani endimaziyo olapha endinothi xa ndibaleka ndibuzise ngaye. Ndicinge ndancama kungade kuthi qatha kwamntu, kusuke kuthi qatha abantu endibaziyo ukuba balapha eKapa qha ndawoni ke nam andazi.

Ndithe sakukhumbula ukutya ukuba ndigqibele ngentsasa yaphezolo ndayiva indlala ibuya yonke. Ndiqale ndayinyamezela into enoba iyile kwimizuzu engamashumi amathathu kodwa andabuya ndikwazi kwakhona. Aqale amathe ajiya ndaziva ukuba ndinesiyezi ingathi ndingase ndilale ngomqolo okanye ndihlale phantsi bhaxa kodwa ndibotshelelwe.

Ndiqaphele ukuba izinto ziya zibamfiliba nezandi ezitsho phadle zamana ukutsholo kude. Ndiwubone luzizi umnyango wekhitshi evuleka khange ndiphinde ndiyazi ukuba kwenzekeni emva koko.

Ndizokothuka sele ndingqengqiswe ebhedini bendinxinxa ngamanzi aneswekile ndimanzi nokuba manzi ndingayazi nokuba bekuqhubeka ntoni. IbinguChoppa noSgora abo besenza amatiletile okuba ndivuke kuba bendife isiqaqa yindla. Emva kokuba ndivukile bandinike lamarhewu athengiswayo ndasela noko ndaziva kuthe xibilili.

“Ukuba uyathembisa ngokuthembeka ntombazana ndizokuyeka ukhululeke nam andiyithandi into yokubophelelana nabantu,” utshilo uChoppa nam ndabongoza ukuba ndothembeka. Ukuba ebeyazi ukuba ndithi lala gusha ndikuchebe kuba eyothembeka kwam kumntu ofana naye ndakuyenza mhla kwabuya uNxele.

“Kambe ungubani igama lakho, khange kaloku thina sobabini sibe sancokola. Hamba wena Sgora ngoku uwugqibile owakho umsebenzi kufuneka mna nomabhebeza sikhe sishaye ijika esiguqweni sidlala izinto zabantu abadala. Ungubani kanene igama lakho” ugqagqanise njalo uChoppa kucaca ukuba akhonto ayicengayo okanye ayicelayo ngaphezulu.

“Ndi-ndi-ndingu nguNosi… Hayi maan Nosimphiwo,” ndixoke ndatsho ndingasazi nesisathu esibangela ndixoke kuba ngokucacileyo ndiyavakala ukuba ndiyaxoka. Ndive ngempama kwisidlele sasekhohlo yandibetha ndawa apho phezu kwebhedi kuba bendihleli ngempundu.

“Besithembisene ngentembeko apha, andizuphinda ndikubuze kwakhona,” itsho lento incume uncumo lwesigezo emvakoko yandibamba yasondeza ubuso bayo ngokunga izondiphuza.

“Intembeko ntombazana okanye uzobola zizibhaxu zikaBra Choppa,” uthethe busebeza apha ezindlebeni zam.

“Ngubani uChwayita Nompozolo?” itsho lento indityhilizela phaya. Ndikhawulezise ndalaqaza ndafika isazisi sam siphezu kwesipili esilapha kweligumbi.

“Ewe ndi-i-i ndinguChwayita ndalithiywa ngutamkhulu alifane libizwe ngabantu” ndifane ndabhudaza ndatsho ndibona ukuba igqinga lam limka nomoya.

“Andikho lapho maan mabhebeza bendigqitha nje. Kaloku ungumabhebeza wam akufunekanga undifihlele izinto apha uyeva?” limke nomoya ke elo kuba andiyiyo tu lento athi ndiyiyo uzichithela ixesha nje. Uthe xa ezama ukundibamba bamba efuna ukulala nam ndamgrogrisa ngelithi ndizambambisa walinga nje.

Yho kuthe kanti ndizicandele umgalagala, ndizibasele isikhuni somhlakothi. Ndive ngempama sele ikhatshwa yenye kulandela nenqindi, bendincedwa kukuba ndiphezu kwebhedi ukuba ndingasifumani isihlangu. Undirhuqele kumnyango wasekitshini wama emva koko wandikhomba ngesango esithi mandibaleke ndiye emapoliseni ndichaze ukuba ndibethwe nguChoppa wase namba 11101 eQumbu street.

Ube ngathi uyandithuma ndaphuma ndiphala esangweni ebesele livuleka, enye nenye ndizakuyibona phambili ndifane ndaziqhatha ngelo. Ixesha bekumalunga nentsimbi yesihlanu ngelixa ndigabedula kwizitalato zasePhilippi ndingafuni kubuza nto mntwini ndinethemba lokuba ngelingeni ndakude ndibone nokuba yimoto yamapolisa. Ndithe ndisancunca njalo kwagqitha iTazzi ikhwele inenekazi nomfana, ithe sele imganyana yabuya umva yafika ye chu apha ecaleni kwam.

Khawusixelele: Xa ucinga ngobani aba bakule Tazz?