Ungene lo mfo apha emotweni wayibetha yancinci imoto equmbe apha ebusweni. Ngangendlela lena ebenesithinzi ngayo ubungeze umjonge ntsho kufuneka umane umba, ndenze lonto ke nam ndimane ndithi krwaqu xa eqala undijonga ndibalekise amehlo.

Ngelingeni side sangena mzini uthile ongasokuze ufane ungene nje ngenxa yeyadi yakhona ebiywe ngolona hlobo. Lizivulekele isango siseza phaya yafika yama phambi kwendlu imoto wehlika lo mfo wayondivulela icango wandikhupha ngokungekho similweni.

Kuphume umfo othile edlini wafika wathi, “Bro Choppa sewubuye nalo elitsekeni ubuyolilanda.”

“Suwara Sgora yonke into ime ngendlela uyabona siphethe igolide apha ingqina ndokhe ndiqale ndimxikixe ngokwam phambi kokuba aqale umsebenzi,” kuphendule lo mfo ebeyondilanda watsho.

“Hayi maan uzukhe kaloku nam undimincise noba kukanye Bra yam ndiyakucela phambi kokuba lo mntwana afunyanwe zeziliyithi zinenyhuku,” utsho lomfo endibetha iimpundu sogqiba waphuza emoyeni ejonge ngakum.

“Hayi Sigora suyicinga noyicinga leyo into kuba awuzumnuka lona ingqina uzofakwa ndim esikolweni. Wena uzomfumana ngokuthi umhlawulele xa lifikile ixesha lokwenza njalo,” utsho lomfo ebeyondithatha enditsala kabuhlungu endisa endlini. Ndithe ndizama ukuphuncuka suka lento yandigxezula kakubi yathi, “Ndaku hlahlambisa ngempama apha phakathi kwendlathi ukuba undiqhela kakubi apha.”

Nam ndifane ndayilonto inkcunkca emva kwakhe kuba ndisoyika ukubethwa kungazubakho nomntu wokunqanda kuba uSgora uphume ngesango. Ufike endlini wavala icango wama emva kwam wandibamba esinqeni wazisa imilebe yakhe entanyeni ndagontsha. Uze kwelinye icala le ntamo ndambetha ngengqiniba esiswini wancwina. Eyombetha ndiyibone sele izenzekele ngaphandle kokuqonda kwaye ndamfika engacingelanga unkabi. Ndithe mandijike kanti kulapho ndihlangabezana nempama yakhe. Ingene ndayiva ukuba iphuma kumntu ongandikhathalelanga.

Kungene eyesibini kwakhona ndaqonda ukuba tyhini ndiyabethwa apha. Ndizelwe ndindedwa ekhaya ngoko ndandisalusa namkhwenkwe kusiliwa qho kwaye uninzi lwawo ndiwoyisa, ndiye ndazicingela. Kuthe sakufika longqondo ndayikhulula impama yahla engacingelanga unkabi, ndambona ezibamba isidlele. Uthe makakhulule inqindi wafika kukudala ndiphephile sendingalela elam esisiswini. Nditsho amathathu esisiswini kwacaca ukuba andenzinto kulomfo. Ndithe ndisacinga ukuba icebo lesibini wandithi xhakamfu emqaleni wandoyamisa iidonga endikhama.

Uphelile umzuzu endikrwitsha njalo sele kuphela namandla ngoku, ndithe ndisagqushalaza ndizama ukuphoncuka ndaqaphela ukuba ungxabalazile. Sisengamantombazana akhulayo xa sincokola ngokulwa namakhwenkwe sasinendawo esiyikhankanyayo nekuthiwa yeyona yakhe yanobungozi. Ngoku nalo ikroba livelile ndalonyusa kakuhle idolo lam lakwizinga elihle lokukhokha amandla.

Wothuke sele ndilifakile kulandawo ihlala inzala yakhe ndambetha wawakhupha onke amehlo sele endiyeke nondiyeka. Ndimvuse ngedolo ebusweni esagobile ndabe ndimxhimfa ngokungekho similweni ndizenzela yade yehla eyamaxelegu imbola. Ndithe jaju phaya ndimfuna xa evukayo ndomphinda, kaloku andilogwala mna ndibetha into elwayo hayi esele ilixhoba kakade.

Phi ke kwathi kanti ndizibhudile izingqi kuba andazanga ukuba ivolovolo ifike nini esandleni sakhe. Ndiye ndama bhunxe ngoko nangoko kwavele kwathamba amadolo kwashushu ulwimi sele ndilibona nengcwaba lam ngoku kuba lomfo ubecaca ukuba akahleki nambundlana. “Ukuba ukhe waphinda wenza ubudenge obufana nobu ubenzileyo ndakusarhaza ubuchopho mna uyeva,” itsho lento ngelizwi elidiza inkohlakalo kwaye kucaca ukuba angayenza lento ayithethayo. Kuzo zonke izinto endizoyikayo ebomini bam ayikho eyogqitha umpu, nguye nalona undenza ndimke ngokukhawuleza eGcuwa. Ndiye ndafana ndajama nje ndiduda umzimba wonke.

“Ndikuthenge ngeR15 000 ngoko ukuze undenzele iR150 000 nangaphezulu wena. Uphantsi kwam ude ubuyise yonke lomali uyandiva?” ndifane ndanqwala nje intloko kuba ndikhonjwe ngompu. Emva koko uye wandixelela indlela oqhutywa ngayo lomsebenzi awuxelayo esithi ndizakuya kwikhonsathi ezithile kwakunye neentlanganiso ezibanjwa kwihotele zodidi nakwimidlalo ethi ibanjwe kwitheatre ezithile apha eKapa.

Kodwa uthe ndizakuqale ndifumane uphuhliso gabula yena ukuze ndithi ndiqala ngeyoMnga ndibe ndiqhashambula kulomsebenzi. Uthe xa ewuchaza lomsebenzi ngokunokokwakhe wathi ‘lurhwebo ngomzimba nosomashishini abaphezulu bamazwe ngamazwe’. Uthe mandingaxhali kuba konke oku uzakundifundisa ngokwakhe ndide ndibe ndikulungele ukuqala.

Khawusixelele: Msebenzi mni lo ucinga uChwayita uzokwenzisa wona apha?