Yadlula iminyaka yayoma pha esihlanwini ndingaphakathi, nangona ndingeyikhuthazi impilo yobubanjwa. Kodwa zazikhona iimini apho kwakungathi kwakuse Kanana kuthi thina mabanjwa, kodwa zazibakhona imini apho yayingathi sise Yiphutha, ilizwe lobukhoboka. Ngalo lonke eloxesha ndandifaka izicelo zengqawule, ndandisele ndidikiwe yimpilo yobubanjwa.

Eyona nto endandisele ndibona ukuba ndiyayiphilela ebomini yayingumama nabantakwethu nodad’wethu kuba uBabalwa ngulo wandishiya kwesinomhlwa, kunani ukuzakundibona nangoku sendigwetyiwe. Ndandisithi ndakukucinga ngaye ndivele ndiluqalekise uthando nemini endahlangana naye ngayo. Ndandingayekanga ke ukufaka izicelo zengqawule ngalo lonke eloxesha, kodwa zazikhatywa ngawo omane ezozicelo zam ngabasemagunyeni kwibhodi yezoluleko.

Kumhla ndabona ukuba liyinyani iqhalo elithi ‘Iqunube alivuthwa ngokomnqweno wemfene’ kuba ixesha eli lonke izinto zazingade zihambe ngelihlobo ndandifuna ngalo. Ndandithandaza mihla le ndifuna side siphumelele nesam isicelo sengqawule kuba ndandibabona abanye nebabengene emva kwam beyifumana bebuyela emakhayeni abo.

Kodwa yade yanetha nasentlango ndayifumana ingqawule kulo wesihlanu unyaka sendincamile. Mlesi mhlawumbi uyazibuza yintoni le ingaka ngokubalibanjwa le yayide indilalalise obungahliyo ubuthungo. Ukuba ndingabalisa ngobom bam entolongweni kungasa gede kuphinde ibe yenye imini ndibalisa, kuba kaloku zininzi iziganeko ezenzekileyo kodwa ndizakucaphula nje zibembalwa.

Into isathe tha okwekhwezi lasekuzeni kusa kum ngumhla wokuwiswa kwetyala, ndandingatsho ukuba ubom bam bungaze bube sezandleni zeny’indoda. Wayenolusu olumnyama intloko ichetywe kakuhle imenyezela okungathi ithanjisw’amafutha. Wayengemde kuyaphi ngesithomo umf’omkhulu, yiba nalomfanekiso wezongqanda zamehlo.

Yangen’iphethe amaxwebhu amaphepha into yasemathileni.
Wathi ukungena labhomboloza ipolisa ngaphakathi enkundleni.
All Rise!’
Baphakama abantu ababezokumamela ukuwiswa kwetyala, ukuma emaplangeni kum yayingeyonto intsha kuba kwakusela kudala liqingqitha ityala singade siwiswe isigwebo. Kwaphinda kwahlalwa phantsi ke ngabantu , yabe into enam ngalo lonke eloxesha ijonge phantsi okwezithunywa zezulu mhla kwakubuzwa ngubani oza kuthunywa emhlabeni. Kaloku umfomkhulu ndiyabona ukuba wayeyimfundimani evunyiweyo kwezobulungisa, yathi iqala nje uvula umlomo yatsho ngesiya singcwengileyo isilungu, ingqondo yakhe yahiliza nje okwethutyana kuba mna umf’omkhulu ndizombamba esiqwini kwintetho yakhe xa esithi

‘I don’t believe that the accused is the baddest person, to be factual he has a bright mind, unfortunately he got mixed up with the wrong crowd, and he didn’t put his bright mind to the right effort.’
Yakhokha umoya nje kancinci into enkulu, yandithithi xexebu ngezongqanda zamehlo, yaphinda yaqhuba.

‘Bank robberies have skyrocketed during the past few months, I really don’t believe that the accused was alone at the day of the incident, and the state has said that the accused did what he did out of desperation for money. That is no excuse for any kind of crime. According to statistics brought on by the prosecution , the number of bank robberies in the Cape Winelands district has jumped from 80 to 120, for the first time in this dristrict, that is a problem, and the accused in this case is part of that problem, and it needs to be addressed and it starts here.’

Yaphinda yathi ukukhokha umoya okomzuzwana imantyi, nam ngoku ndandisele ndizibona iziphumo zetyala apho zibhekisa ngakhona, yaphinda yagqibezela apho ibiyeke khona imantyi.
‘What I see in this  bank-robbery incident is a lot of gratuitous violence, the accused has put people’s lives in danger by carrying a gun inside the bank. Mr. Ngubenkomo showed no remorse for the crime he commited and for putting people’s lives at risk. Instead of grabbing the money and fleeing inconspicuously as possible, he remained still with a gun on his hand.

For ordinary working people Mr. Ngubenkomo is a violent nightmare, it is obvious that Mr. Ngubenkomo poses danger to the community, his crime is serial savagery, his violence went well beyond what was necessary for money.

A lenient sentence would send a wrong impression to the community, and the harsh and long sentence would not be appropriate, because it will appear to lack mercy.
I sentence Mr. Ngubenkomo to twelve years in prison, for being in possession of an illegal firearm and for firearm contravention.’