Yatsho yabetha phantsi imantyi ngehamile yayo yeplanga, wanqwala umtshutshisi encume oluya luka bhlankethi uncumo, negqwetha elalindimele lanqwala ‘As the court pleases.’ yaba ngamazwi abo okugqibela kelawo. Kwaba nguphelaphela ngantsomi ngobomi bam, kumhla iliwa labhek’umoya.

Kwahliwa nam ngezantsi ukuya eziseleni, eyam into ndandisele ndiyamkele abona bantu ndandibavela ubuhlungu ngumama nabantakwethu nodad’wethu, ngoba babekhona ngelixesha kuwiswa isigwebo. Umama azange akwazi ukuzibamba inyembezi; intlungu yayihlobile ebusweni bakhe. Kodwa kukho amazwi awathethayo umama ngaphambi kokuba ndithathwe ndiyovalelwa, wathi kum “Mntanam uhambe noThixo, uDaniyeli wangena emhadini weengonyama azamqwenga futhi azamenza nto, hayi ngokuba wayesazi ngcono, okanye wayenolwazi olubhetele kungokuba kumhadi awangena kuwo wangena noThixo, nawe namhlanje kumhadi oza kungena kuwo uzungene noThixo.”

Loo mazwi ankenteza ezindlebeni zam iimini nobusuku bazo. Loo mazwi aba kukukhanya ngemini zobumnyama. Ubomi bona ngaphakathi entolongweni babunzima kakhulu, mihla le ndandivuka ndisazi ukuba akhomntu ndinokuphalaza kuye imbilini yam, kwakungekho nomnye umntu endimthembayo. Ingxenye yam yayisazi ukuba zizenzo nobutyhakala bam obundibeke entolongweni, kwakufanekile ndohlwaywe ngobutyhakala endabenzayo.

Esona sohlwayo endinothi sesona sababuhlungu kukungabinanxibelelwano nelizwe ngaphandle ube uvaleleke endaweni enye. Ngenxa yobulolo ndandisele ndisazi nenani lentanda nemivulambo eyayilapho esiseleni ukususela ekuqaleni ukuyakutsho ekugqibeleni. Umntu owayefane andimamele nguBongani into yakwa Sokwaliwa ewayesaziwa ngelika Bongs ngaphakathi.

Ndandikhe ndimbuze mna umf’omkhulu ukuba uphila njani evalelwe iminyaka emingaka ngaphakathi, ndikhumbula mhla ndandibuza lombuzo ngomnye umhla, wandiphendula ngesi-Ngesi kweli ityeli engandijonganga ke phofu ejonge apho kungenje, ndimbona ukuba ukude ngeengcinga wancoma ukuyabula kwengqondo

‘The wandering of the mind, can be a blessing sometimes, because you achieve some measure of freedom. You are no longer trapped in the little cage you live in. You can go anywhere, be anyone, for a time atleast.’

Endandingayazi yeyokuba umf’omkhulu yintoni eyambeka entolongweni kuba wayesisifundiswa unkabi, ibali lokungena kwakhe entolongweni asiyonto awayefane ayibalise. Ndandibangathi ndiyazama ukumngcambazisa ngento eyamfaka entolongweni, wayevele ayibaleke ngazo zombini lo ncoko, intsusa yebali ukuze ndibekanti ndiyayiva ndayiva xa ibaliswa ngamanye amabanjwa. Ndilibamba esinqeni ke phofu nelobali kodwa kwathi mandibaze indlebe nangona kunjalo.

“UBongs kaloku wabanjiswa idanyana yimedi yakhe, yathi uzithathele kulomhlaba ungezantsi. Washe’yeka umfazi etshata eny’indoda nekwalipolisa kwalapha.”

Ndakhawuleza ndalazi nepolisa babethetha ngalo. Yayicace gca okwekati yomweka icondoba ekhephini ukuba bathetha ngo Officer Nyelezi, nowayesaziwa ngelika Ta Marvelous kucatshulwa kwigama.
Ndatsho emveni kokuba ndive lonto ndathi luthando ndini ndiyakuqalekisa, ndiqalekisa nomhla owadalwa ngawo.

Le kucaba intolongo zizele ngamabhantinti ngenxa yokumfamekiswa luthando. Ndikhumbula icawa eyandulela le yokukhululwa kwam, nanjengoko ndakhululwa kuMvulo weveki elandelayo. Unomathotholo asiyonto esasifane siy’hoye kakhulu singamabanjwa, ingakumbi xa kuziwa kwinkqubo zakwa lizwi.

Kodwa ngalomhla kwenzeka umnqa phakathi esiseleni endandivalelwe kuso, ndothuswa yingoma yomculo wokholo, esitsho amadodana ePower of God esithi ‘Siyambonga Usomandla.’ Ndawava xa kanye eyiqukumbela esithi ‘Usithwele kwade kwalapha.’ Ndandisithi ndiyaphupha , kanti hayi kwakungenjalo yayiyimvuselelo kanomathotholo kuMhlobo Wenene. Ukuba unomathotholo wangena nabani njani esiseleni, leyo andikayazi nanamhla.

Icham lokungena nezinto ezifana nonomathotholo asiyonto esasifane silifumane, izinto ezifana nezo sasizigqibela ngexesha lekhefu kube kuphelele apho. Lo mini yayibanjwe ngumpondo-zihlanjiwe, umakhwekhwetha womfundisi uMzukisi Faleni, wayengayedwa naye kaloku wayeyibhexesha no-Nomonde kaVakalisa. Usisi otsho ngelizwi elimnandi elifika ezindlebeni libengathi ngumculo womngqungqo ngemini yangeCawa, ndiyithetha ndiqinisekile into yokuba indoda yesithathu ebabeyiqhuba nayo lomvuselelo yayinguSombawo uqobo lwakhe.

Ukuba ndikhumbula kakuhle ilizwi lomini laliphuma kwincwadi kaSamuweli wokuqala, kwisahluko seshumi elinanye, kwivesi yethoba.