Unethamsanqa kwedini, Tywala
Unomtsalane kwedini
Uyathandwa wena lulutsha
Nditsho ndaweni zonke
Kodwa lona olwaseMbekweni lubalasele
Awutshi ngoba kutheni mlambo ndini waseChankcele?
Awomi ngoba kutheni nyembezi ndini zikaVictoria?

Kwedini ooSizwe noThand’isizwe baseMbekweni ubatshabalalisile
Empuma naseNtshona
Ezantsi nangaphezulu
Mlambo mni nalo ungomiyo-
Lo uhlala uphuphuma entwasahlobo nasebusika?
Mjelo mni nalo uhlala ubhonxile lonke ixesha ufuneka?

Tywala ndini uyathandwa lulutsha
Ngencasa yakho ebumanz’aseChankcele
Xa bekusela kwindawo zembutho kuthi mandithi vuleka mhlaba ndingene
Kuba zinkokheli zelilizwe zakusasa ezi uzibulalayo
Hayi kodwa Tywala unolunya
Kuba xa bathe bakungcamla abantwana bethu-
Bapetsula baxele lawa anyuka ngendonga amageza
Bayayatheke bagile kwanto

Qamata woPhalo khawuphendulele intsana zakho,
Kuba othi angcamle kulamanzi aseChankcele-
Ngoya kwantliziyo ndise nyawo ndikhaphe
Engasayi kubuya naphakade
Ndiwubhala lombongo ndikwelona liphezulu igumbi lokuthandaza
Ndicela iincwadi zokungena kwelesithathu izulu-
Kuba ubomi balapha emhlabeni busuka bandidika…

Ukuba unyoko bendimazi ngendikuphindisela kweso sizalo singahlambulukanga
Mandisithele ntozakuthi kuba hleze kuthi kanti
Nditsala amahashe ngemisila