Andilwazi uthando luka tata
Wakhetha ukusishiya
Ukufa kwamfikela.

Wayengafuni ngomphefumlo
Wakhe.
Kodwa wayenganamandla
Wazama ukusithanda ngentsuku
Zakhe zokugqibela.

Kodwa olothando lwalunganelanga
Sazama ukwazana ngcono kodwa
Wayesezintlugwini.

Amehlo akhe ayegcwele luloyiko
Wayekhala imini nobusuko
Ngoba wayezibuza Ukuba ngubani
Owayezokhathalela usapho lwakhe.

Ngobusuku lwakhe lokugqibela nathi
Wathi noba yintoni esiyenzayo
Singalinge silibale Ukuba uzohlala
Enathi maxesha onke
Ebubini nasebumnandini kwabe kulala kwakhe.