Bendizingomba isifuba ngaye ndisithi ungokhethiweyo kanti bendizifaka ethyolweni.
Bendizingomba isifuba ngaye ndisithi ndimfumene undofanaye wam kanti bendizikhisa imifino etheni.

Bendisithi ndisifumene esona sinqandamathe sokwenene kanti ndizitsalele amanzi ngomsele.

Kunamhla ndiyakhala ndisithi akwaba ndandizimamela ezabadala iziyalo.
Liyinene elithi ilizwi lomntu omdala alityiwa mpuku.

Iminyaka iphantsi kodwa ndimbonde mbonde zintlungu zeqabane lam
Phofu ayihambi ngaminyaka nto nje ifika apho ingamenywanga.

Bathethile ngaye andabamamela
Kuba kaloku lento imntu ayifuni kubona mntu enento enhle.
Kodwa kuthi kanti babezama undikhusela emlonyeni wengonyama.
Baqhubekile bethetha impawu ndabe ndizibona kodwa ndingafuni kuvuma.
Kuba izinto azithethayo kum bendicinga zezokwenene.

Uthi mandibenethemba
Themba liphi endizobanalo?
Xa rhoqo kusisa kuyakubalukhuni ngamandla
Kuya kubakrakra okwekhala.

Ityala lam kwabakukumthanda
Ityala lam kwabakukumethemba
Ityala lam kwaba kukumbonisa Ubuntu
Yena wandithatha njengozincinci
Wandithatha njengomntu ongaziboniyo impawu.

Ndizothula andizuzithetha kuye
Makaqhubeke endenza isidenge
Makaqhubeke endenza imfama
ndizofa nazo aqhubeke andinyhobhe ngamafutha emnyama etyiwe nguye.

Entliziyweni nasemoyeni wakhe uyayaz ukuba endandizama ukwenza kwakukumthanda.
Kwakukuzama ukuba liqabane elizomenza abengumntu ebantwini.

Ndisempini