Manya-menye!
Ngowantoni lowo mbane,
Libe ligqats’ubhobhoy’izulu?
Ndilindel’isithonga
Suke kwalandela ukukhokhwa
Komkhonw’ekati
Ndawavala mbaa amehlo
Ngo-ngo-ngo uvalo!
Ndimi ngxi andishukumi
Ndiwabambe ngazo zombini amazinyo

“Nguye lona, nguye ngenene
Nguye lona, nguye kanye”
Lavakala kude kufuph’elo lizwi
Umnini lo evakala echulumancile
Qhaba ukuhlukan’imisebe yamehlo
Yo-o-o! Abangaka bon’abantu!
Ngumbo nomxesibe
Bambi babo bepheth’ubuxhaka-xhaka
Ndilwehlise ngentandabuz’unyawo
Kuloo moto yodidi
Yintoni, ngamehlo wam kwisini na?
Asigazi kodwa eli ndinyathela kulo?

Ndihlabele mgama
Ndichwetheza ukunyathela
Ndigangwe macala omabini
Ngamadoda ondlekileyo
Ababini kwesasekhohlo
Abanye ababini kwesokunene

Tyhini! Sele kukhona noosokhamera!
Ngokuqinisekileyo ngoonondaba
Yayinkulu endandiyenzile
Nendandingayazi ke phofu
Wawusekhona umndilili
Ugangwe ngalaa wamadoda ondlekileyo
Phaya kumndilili, ndaqaphel’abanye
Babo bendivuthela ukundiphuza
Bambi babo izandla zabo ziphakanyiselwe
Phezulu kuhewulwa kukhwazwa

Zabuya ngathi kudala zona iingqondo
Ndakhumbula kwa oko
Kwakuyimini yokutyunjwa kuka Nobuhle
Ewe uNobuhle waseMzantsi Afrika
Yaba ndim owaphumelel’emagqabini
Yiloo mini apho iphupha lam
Lokuba ngusaziwayo lathi lazalisekiseka.