Wena wazalwa usengumntwana,
Wanabantwana nabo wabathanda,
Awumkanga nangona iimeko zingancumisanaga,
Awunikezelanga nangona bekungalunganga
Kuba uyazi ngaphandle kwakho,
Ikhaya ngumpha ochutywe walahlwa.

Wena uliqhawe lamaqhawe.
Nangona iimpilo zethu beziludonga lusiwa,
Ubonise uthando nethemba,
Unikeze ubuntu nenceba,
Awusishiyanga,
Usuke wasibumba njengosapho.

Zonke iimvulakazi nezichotho zigalele,
Ezinzima zona iingxaki zisongele,
Kodwa wena ubuyintaba emiyo.

Uxhathisile wabheka phambili,
Waqiniseka ngamandla,
Iinkqwithelo neenkinga zona zikuhlabekisile,
Kodwa wena ube lilitye wazilwa uqinisile.

Besisele silahleka,
Kodwa wena indlela usalathisile.
Saphinda saxweba,
Kodwa wena usithambisile,
Saphinda sangqubeka,
Kodwa wena uye wasikhusela