Besingenakulinda.
Besingalali buhlayo zakuvakala izingqi zokuza kwakho.
Laya likhula ngokukhula ithemba kubazali.
Bakulinda ngenyameko ngokunga ngabafundi eJerusam belinde idinga likamoya.

Ngelingeni wavela kwanga kukuphuma kwelanga.
Waqhakaza okwentyhantyhambo entwasahlobo.
Kwaluvuyo nochulumanco kubazali bomntwana.
Kwathi xibilili ngokunga kothulwe umthwalokazi.
Kwabamnandi kowethu kaloku sizalelwe uMafungwashe.

Zaxhentsa iingwevu neengwevukazi zivuma ingoma yombulelo.
Yangena intlahla ekhaya.
Zangena iinkomo zekhaza.
Bakhula ubuhlanti basemathileni.
Lwandile nosapho siyabulela sombawo.