Ndibhala esisiqendu ndinentliziyo esindayo. Ngokujonga kwilizwe esiphila kulo okuninzi kwenzakele kwaze kwashiya lowo nalowo edandathekile emphefumlweni. Okokuqala mandibeke umnqwazi bukucala ndithobe intloko ndithethe ngamanina athe asishiya.
Njengokuba sisazi ukuba amanina sewejongwa njengenkukhu ngemini zendlala, oku kukuthi amanina aye afele ezandleni zamadoda mihla nezolo, umbuzo umnye, ingaba umntu xa ethatha umphefumlo womnye umntu sendisitsho nomntu lo ebesithi uyamthanda akabinaso kwaphela isazela. Madoda asazi senzeni omama bethu, osisi bethu, odabawo bethu ukuthi banenze ntoni kodwa siyabaxolisela

Ndibuye ndize kulemeko yabantwana abancinci abathi nabo batshabalale ezandleni zabazali babo , njengamzali kuyafuneka ukuba ubesisikhukukazi kusana lwakho, njengamzali kuyafuneka ukuba umntwana ajonge kuwe ngamehlo ethemba kwaye azive ekhuselekile ezandleni zakho.
Kulemihla siphila kuyo uyofika amanina ingawo abulala abantwana babo ngenxa yokukhetha amadoda okanye ngenxa yokungafuni umntwana athethe inyani , iye ixake into xa kunje kude kufikelele nakwizinga lokuba umama wosana olo aluthengise kwiintlanga zabantu.
Ukuba bamenze izinto ezimanyukunyezi ukuze afumane imali, lento ayenziwa ngamanina kuphela kodwa nangamadoda/ otata babantwana aba, uyofika kuxoxwa amatyala kwiinkundla zamatyala amadoda athe adlwengula abantwana babo athi akugqiba ababulala ngendlela endlongondlongo.

Ndibuye ndize kulemeko yokutshabalala kwamadoda. Ewe amadoda nawo aye atshabalaliswe ngamanina kulemihla. Uyofika kufunyaniswe ukuba indoda leyo iye yagalelelwa ityhefu ekutyeni okanye ibulawe ngesandla ngenxa yomfazi ofuna kuphume imali zeinsurance. Ukubulawa kwamadoda akuxhaphakanga olohlobo kweli siphila kulo.

Njengasizwe sikunye masijonganeni sikhuselane mawethu , masingathathelani imiphefumlo kodwa simanyane njengasapho lunye. Nawe mzali yiba yindawo yokuzimela emntwaneni wakho.

Tell us: Usifundisa ntoni umbhali?