Mntwakethu unzima lomthwalo
Babefudula bekhahlela S’khulu
Imali indlala abantwana ngeloxesha
Ndisela obengcungcu utywala
Andisathethi ngamankazana
Ingumdliva ndixhelelw’ exhukwane
Nhyani mzala wam
De kwafika isibhanxa sebhulu
Uphelile umsebenzi
Ema emqaleni gazilam
Ndacikoza ndafutha ngumsindo
Ndamolatha ngomnwe ndisithi, “Thyini lo mlungu”
Ndimemeza ndikhwaza, “Amandla… izwelethu … masendeni!”
Kowu ndabuya belize mfowethu
Obu bomi bungasiticela isidima sakho mtshana
Udlangwe okwesibini okungathi awuyiyo indoda
Ndilibuka liphakama
Ndilibuka litshona
Ngaphakathi ndonakele
Ndinyevulelwa nanguthathatha
Ndide ndalinxila lelokishi
Kowu! Ukuba ngumahlalela
Kungaphaya kwendlala nentsokolo
Ngabantu sebendinyevulela
Okwento engento
Sendifana nompha ochutywe walahlwa
Ndichanyelwa nazizinja…