Sekuphel’iminyaka iinyanga ziqengqeleka ebunzimeni ndiyagaleleka
Inene ndinyamezele yiminyaka noko ndinyamezelene nale ntlungu
Intlungu sekwaba likhaya lam lesibini
Indlala sendayamkela nje ngomhlobo wam
Ndivuka ecaleni kweentaba
Ndibhadula eyam inkaba
Ndihlekwa nazi ntaka
Inene ubomi ngamagada

Aa!gqabi lomthi kaQamata
Ndiyaqula ndiqabel’iintaba ndiyonqwila
Ndiyinkedama kwi lizwe lika bawo omkhulu uQamata
Ndijikelwe nangabo ndibathembileyo inene ubomi ungamaphenduka nam ndiyazibonela
Ndikwi meko emaxongo
Phantsi koxinzelelo inene ndikwiintlungu

Kudala ndinyamezele kodwa ngoku akusanyamezeleki
Intliziyo ijijekile ingamahlwili kuba ndizibona sele ndiyi nkedama kwilizwe lika bawo omkhulu u Qamata
Kunamhla ndiyakhala iinyembezi zijika ziba yimithombo gxebe imifula
Inene akulula
Ndiya bhula
Hleze’mhlawumb’izavel’indlela
Andazi ndiyaqikelela

Ndone bani kabani
Qula Qul’elingatshiyo
Kaloku nam ndingumntu
Isono sam masixolelwe nje ngabanye abantu
Ndiyabhonga namhlanje iinyembezi azipheli
Ndijikelwe nalithumb’eli inene alaneli