Ndimbonile ndaqonda ngenxa yoku yolelwa yintliziyo nakanjani ngowam

Kanti kungani wena ntliziyo ungumkhohlisi kodwa uphinde ubuye ubengu mlungisi?

Ndathetha naye savisisana kodwa ke ne khala lihle xa ulijonga kodwa incasa yona engaphakathi iyakrakra.

Kungcono uwutyeshele umthi uneziqhamo kuba wona uzele zimbovane nam ndandingazi ukuba ziyoze zindi lume.

Ukuthemba umntu kufana nokuzikhohlisa ndandicinga uba ungoyena msekeli wam wobomi .

Ndandicinga ba nam kumhla kuvele ilanga lohlobo elithi lityatyambise intyantyambo kuba intliziyo yam yayi gcobile.

Zange ndamamela kuba nehlabathi lali phithizela nam.

Ubungcali bobukrele buse ntloko ndandinga qondi imini enje iyeza nakum.

Kodwa ndaqonda ukuba mandiqule ndisiya phambili ngoba ukukhala akuncedi.

Kodwa iinyembezi zakhe ngabe ziyandibophelela kulamatyathanga.

Kodwa ukungaxoli ku sisilonda sobomi, mhla’mbi yimfanelo yophila leyo.

Utshilo wathi uyandithanda, nam ndakholelwa kuba nokufa akutsho xa kufika nkquu nothando lunjalo luphela ngesaquphe.

Mna ndandingazi nto nje ndakhohliswa ngumphambanisi kodwa namuhla ndyazisola.

Ukutyekezwa ngumntu ebekuthanda ndiqale ndakubona kum kuba incasa yona yayinemizwilili ngenxa yempatho yakhe nothando lwakhe,

Ndandingazi imini enje isazo mpompoza okwe ngxangxasi.

kwowu undingcambazisile ndade andazibona naxa ndisoyela.

Sendimana kuba ne nzondo kuba impazamo yam kukumvulela amasango phakathi kwe ntliziyo yam, kuba wayelithemba kodwa namuhla ndiyaakhala ngoba wayophula intliziyo yam.

Ndamamkela ngezandla ezishushu nange ntliziyo engena mkhinqi,kodwa ndisatsho ukuba kungani Tixo waludala olutando kodwa ntonje wasivimba indlela elisetyenziswa ngayo, ngoba ndandimthanda kodwa wayophula intliziyo yam.

Wayephokoka edlala ngamazwi xa edibana nemilebe yomlobo nam ndohlulakala kukuzibamba.

Impazamo kungxama ngoqula ndiwagangathe ndiwakhankanyela esizathwini kuba ndandimthanda.
Kodwa yona intliziyo yayimana kuphathwa luvalo kuba ngenene nangenyaniso ukungazi kuyafana nongaboni .

Ngelakhe wayecinga ukuba uyandi cikida kodwa inyembezi eziphalala ngenxa yothando ziyayomeleza intliziyo.

Ngenxa yokumthanda ndandiphatha kumbonga ndincumile, “Buhle bendalo obukhazimula okwelanga liphuma, mazinyo amcwebelele okwe dayimani, milenze yakhe yayimile kakuhle ngathi lidiza lombhona eluqulathe izikhwebu.”

Nto nje mna sendisoyika ngoba ukungaqondi kwandiqoqodisa ndaqiqa.