Intliziy’iqhekekil’ingamacala luloyiko lwent’esiyiphathelwe lingomso!
Ingqond’ithathibeka akukho ziphumo zigqibelelisayo!
Kuthi mandiqokelele, ndiqoqosh’okungokwam ndiye kwantliziyo ndise apho kungekho nzingo nazifo ezinganyangekiyo!

Kanti siyintoni na isiphelo salomhlab’umagad’ahlabayo?
Nithi akufikang’ezamini zesphelo zazixeliwe nakwizibhalw’ezingcwele?
Nithi akufikang’ezamini zazixelwa zokubhanga kwehlabathi?
Inene ndiyay’qalekis’min’ endazisa lemiphefumlo kulomhlab’uhlabayo!
Ingaba wena corona uzoqala ngabani phakathi kwam nentsana zam?
Ingaba wena sifo ndini ufuna sishiy’iintsizi kulomhlaba?

Yhini mbulali ndini uyamngcikiv’umnt’engenasono!
Qhubeka wena ubhangis’ubhubhis’aban’abangenatyala!
Kod’uzuyazi ukuba nawe ngenyimini uzobhang’ubhubhe kungabikho namnye oyaw’ze akhumbul’intlekel’oyenzileyo phakathi kweentsapho zethu! Hamb’uhambe mbulalazwe kwanele ngobhubhane!