Yahamba imizuzu ulindile,
Yaqina imini ulinde ukuza kukanxele,
Zaqengqeleka iintsuku ukhedamile.
Kode kube nini ukhala ? Ulindile?

Zihambile iinyanga ukhala esimantshiyane,
Yabaleka iminyaka intliziyo ilijaja ligazi.
Kode kube nini ulindile?
Ntliziyo yam ungadinwa sekukufutshane ngaphambili.

Baphi na abantu? Ziphi na izihlobo nezalamane?
Uncedo lwakho luyovelaphi na?
Zinethile imvula, yabaneka imibane, lagqekreza izulu,
Kodwa khange uphele mandla.

Bafikile abantu bemaphikana, besinga kwampumelelo bakudlula kodwa khange unikezele.
Inene ubomi asiyo ndlwane iyanetha.
Qina yomelela asilozwe lankenenkene eli.

Hleze udinwe kanti ixesha lakho lokosulwa inyembezi selifikile.
Ungakhala umqhagi uxela ukuba kusile,
Lingaphuma ikhwezi ukukhanya kufikile.

Ntliziyo yam! Ntliziyo yam ungadinwa.