Ngxe!
Mawethu ndiyabuzisa andilwi
Ngxe sizwe sikaPhalo andinxuse mfazwe ntonje ndiyimfama
Ndibuzisa ngoNkululeko-ozelweyo,
Kuze nam ndibe lingqina elingqinelwa nalonyameko olusulintsizi

Ndibavile abadala, naba nci besithi namhla sizalelwe uNkululeko yena ulilifa nakwizizukulwana ezanyayo zekurhintyeleke nesinkone sona isoni
Ndizivile iinto zooMadiba omde zisithi
“Tyhini kuthe kanti ndisazala bendingaqunjelwanga”
Bathi ukukubiza bakuthiy’ igama elingu ‘Nkululekozelweyo’
Ndizeke mzekweni ukulandekhondweni hleze yakucima ingantumekeki ukulenyezel’isizwe
Nam andali uzelwe ngontliziyo zinde, ntonje uyihlo ungcinezelo ukucinezele
Andikunqandi ntonje unqaphele, kambe unyoko ukuzelele khuleni olungamili mbuya

Ugqeshelwe ngegazi abapheza ukusinda ngegazi nawo amadelakufa awanqabanga nemiphefumlo yabo
Ndihambile, ndahamba, ndihamb’endleleni ndisukela ukuhlangabeza uNkululekozelweyo
Suka ndatsho ukuhlangana nonjengo Nkululeko
“Tyhini akungo Nkululeko” suka akaphendula “Umbonile uNkululekozelweyo” ndiqokele ndatsho suka wazalela endle endimbhakrazela ucango
Ndisakukhova ukuthi khithatha kambe ndingabuthisanga nezingenamazinyo iibetha zikhonkotha kum kuba zibon’indyebo
Ndibabonile bakuzeleyo, nabazalisi ndiyabazi banenyhweba bona abakumithayo ndinga ndingema nabo mhla ndivelelwa
Ndinge ndingasitsho esofelweyo ndakubona uNkululeko ndisiba usenyulu kanti uyingxwelerha ezele yophul’uluti
Ooku’nyoluka, oozikhundla nazo zingxwelerha zoongcinezelo nabo ngabakho ubasingathile henyukazi
Sizwendini ndiyanxakama andimumathi kambe nam ndiyeneka ikhwelo lityala
Nkululekozelweyo zugcine izithembiso, hayi eselizwe lekanana
Nkululeko yomzantsi Afrika ulibhongo elizweni, nezizwe ziyakubuka kuba uyindyebo eLizweni
Nkululeko ndithwale, size sidle sonke iziqhamo zabasinda ngegazi umlimandlela