Ah madoda laphuma ilanga kusile
baphithizela oomama neentombi
ukusingela ngase mlanjeni. Aphuma
amadoda namadodana konakele phi
nah yaphuma imfuyo ilandelelana
ukusinga ngasedle

Ah wabhinqa unozala ukufotyela kuyiwa
phi na kaloku yile mini inkulu le mini yomama
neentombi imini, yomlisela nomthinjane…
Ah mzali liyintoni na elilizwe ngaphandle
komzali siyi ntoni na isizwe sika phalo
ngaphandle kwala manina.

Lithi lakukhala sana isike inimba kumzali
kuthi kwakungabikho nto yakutya ekhaya
antantazele umama. Umzali ndinga mfanisa
nobulumko oye uthi wakuphulukana nabo
apha emhlabeni zime izibane kuba lichiza
lanaphakade kulutsha. Kuthi kwakuhlwa
luqale ixhala kuba kaloku akazi nokuba
into zomzi ziphelele nah.

Mzalindini ndinebhongo ngawe kuba
kaloku noba sekukubi unesizinzo kuba uyazi
kuyanyanyezelwa emzini. Uthando lwakho
lundenze ndaku bona ukukhanya ndakubona
ukuphila ndalibona nethemba ndithi usisikhanyiseli
selihlabathi wena ngaphandle kwakho alikho
kwaye alinto elilizwe mzali ndiyabulela