Bendindicinga ukuba ndixabisekile
Kanti ibikukuphela kwam.
Ndiyinto ehleli phantsi kwempembeleko
Zika Vitoli kuba ndifuna ukupholisa amanxeba,
Kuba ndifuna ukungashiyeki kubahlobo bam
Bandimundile abafana bandishiya
Ndinegciwane lengculaza
Kaloku bendicinga ukuba bandinika uthando kanti bandehluthela ibhongo lam,
Bandehluthela ubuntu bam.
Ndingu nam sendisuka,
Ukukho lwabahambeli.
Kuba intliziyo yam yayimnyama,
Koko ndandizama ukukhupha intlungu
Ndandiyintombi kanantsi,
Ndiyintombi emsulwa engazinto ngobomi
Kodwa ngenxa yabahlobo bam ndangena ehlathini.
Ngenxa yokungazi ndamkela,
Kaloku ndandingafuni ukubizwa ngeqaba
Ndandingafuni kuthiwe andazi nto
Umama undikhulise kanzima endakha
Kodwa ngenxa yempazamo zam
Ndalahlekelwa yiyo yonke into
Ndoda yaphi ezobuye ifune ilaxa elifana nam?
Ndingumthwalo.
Bayithathile ingqondo yam.
Babuthathile ubumma bam.
Balithathile ilizwe lomzalikazi wam.
Azukuba ndizothethelelwa ngubani kwelihlazo ndililo.
Bekulindelwe ukuba ndizobuya nodumo hayi nodano.
Bekulindelwe ukuba ndizobuya ndinxibe isidanga
Hayi ndinesisu esikhulu.
Ndiyaxolisa mzali wam,
Ibingezonjongo zam koko
Ibikukukhetha isigqibo esingazundisa ndawo ebomini bam.
Ibikukukhetha abahlobo abangalunganga.
Ibukukukhetha abantu abangandingqweneleli impumelelo
Ndilibonile ityala lam.
Ndisifundile isifundo sam.
Yiyo lonto ndisithi unyawo olungxamayo luyayiphosa indlela.