Ndingathetha ndithini na ngotata?
Utata ngutata ngemizamo.
Utata ngumnweba esiwombatha sonele sonke ekhaya.
Utata ayingotata ngenxa yempokoto.
Utata ngutata ngentobeko,noluleko.

Kuyala ukuba mandithule
Iimfundiso zakhe zindenze umntu.
Iimfundiso zakhe ziyanambitheka.
Iminqweno yakhe iyafezekiseka.

Umfo ochula ukunyathela xa ehamamba madoda.
Ubone kuhlokoma umhlaba makwedini.
Acikoze ngenduku zomlomo ,
Itsho indlu ihlokome yintswahla.

Kuye awukhamisi utyhale.
Kuye akusondeli nokuba ngubani.
Ndithetha ngoMakhwekhwetha,
Uthambo- dala kade bemqongqotha,
Udiza- dala kade bemkhwahlaza.
Umfo othetha kudaleke uxolo.

Nokuba sele kubuhlung’ ukhalela ngaphakathi.
Uwe uvuka walithwal’ ikhaya lakho.
Wazama kengekho mathemba, kodwa walakha ngentonga yomanyano noxolo.

Tshotsho ubekho Kwedini,
Nam ndifunde lukhulu kuwe.
Ungabi sanikezela ngwevu yaku, izakuna nasentlango.
Ulilitha kum, nakwisizukulwana siphela.

Xa ndisenjenje ke ndiyakomeleza, Xa ndisenjenje ndiyakukhuthaza. ndisitsho nje ndibamba ngazo zozibini.
Ndenzela ukuba uqine womelele.
Khon’ ukuze nabazukulwana besizukulwana,
Baxhamle kwimfindiso zakho.