Ibinguye intsika yomzi.
Zonk’izinto zibuzwa kuye.
Yonk’imicimb’etshisibunz’iqalakuye.
Ubulixhadi nasekuhlaleni.

Umf’othobekileyo.
Umf’ontetho yakhe inambithekayo.
Iyolisa lomfo ontliziyontle.
Umsombululi wezixholoxholo namaqhin’anobuzaza.
Umgweb’onetarhu.

Wonke umntu kuye uyalingana.
Akanahlwempu nasityebi.
Wonke umntu kuye unexabiso.
Ubesisisele senyathi.
Eyithanda impumelelo.
Eluxhobisa ngandlela zonke ulutsha lendawo.
Eyithanda imfundo nempucuko.

Mkhululeni ahambe.
Mndululeni ahamb’enoxolo.
Eyakhe indima uyidlalile.
Akanizimelanga.
Nikubonile ukugula kwakhe.

Zimty’iliintlungu phambi kwenu.
Enziwonk’amalinge nemigudu yokusindisa ubomi bakhe.
Kodwa yonke lomizamo yaphanza.

Mvumeleni aphumle.
Umzamo omhle uwuzamile.
Nogqatso ulufezile.
Icekwa lisele nathi.
Hamba kahle hamba kahle.