Ndikhalile ndophela nindigqebha ngegqudu lobuxoki
Ndahlikihla ndipholisa ndibopha kuthuthumba
Suka nandiphinda kanti ndiphelelwe ngamachiza
Zandidla iintlungu zandongamela iingqaqambo zomphefumlo
Ngenxa yokuphelelwa lithemba ngumsindo ndivutha amalangatye
Ndabunqwenela ubuthongo banaphakade

Ndingxwelerhekile ndidiniwe ndingasakwazi ukulunyamezela ulwamvila lobuxoki ulwimi uhlazo nezityholo ngamanyala amanyundululu amdaka angenabungqina
Aphuma kwiintlebi ezingenakamva
Zindidyobha iintatheli zolwimi olungakhiyo ,olunenzondo nomona
Zirhintyelwa ngantsontela nye ekukuhlukumeza izizalo zabanye abafazi
Ngasizathu sinye “uzenza ngcono uphakamile lamntana”

Ndalila zagobela ngaphakathi iinkophe
Yangase ndithethe,ndishwabule,ndiqalekise
Kodwa ndikhumbula ukuba ndingubani na
Kaloku ndindim ela gqiyazana likhuliswe ngulamfazi unembeko
Endifunza Ubuntu, uxolo nentlonipho phantsi kwesandla esineenceba somntu othandazayo

Ndikhumbula amazwi athi”Sukuthetha can ucaphuka kuba kaloku singooThixo basemhlabeni, umlomo uyadala”