Ndithi huntshu kuni bafundisi ntsapho!
Ndithi huntshu kuni bontlakanipho!
Ilizwe nezizwe ziphum’ ezandleni zenu.
Iinjineli neenzulu lwazi ikwangumsebenzi wenu

Kunezakhiw’ ezanikw’ igama lokuba sisikolo.
Kulapho ooTitshala befumaneka khona.
Benkqonkqa, bexhonkx’ abantwana
Besenz’ izifundisw’ eziphum’izandla.
OoTitshala into ezidume ngonyamezelo nobubele.
Hayisuka kanti ndothini na mna nje ngembongi ukunibonga.

Xa namhlanje ndiphelelwe zizibongo.
Nixoza izibhoxi neentswela mbeko nenz’ amaqhawe.
Kwabalahla ithemba nabathatha kade.
Nibancekelela ngomonde bazithembe
Kwaye bakholelwe kubo.

Namhlanje abaninzi bayazitshikilela izincomo
Nezibongo zam ngakuni. Bathi namhlanje nidume
Ngokuxhaphaza nokonyelisa ebantwaneni. Nidume
Ngokungakhathali nokungabi nanimba. Bakhe
Bayihamba njani n’ ababini indlela enye
Bengavani?

Nisakhil’ isizwe nasondla ngolwazi.
Namhlanj’ akukh’ esingenako ngenxa yenu.
Namhlanj’ ilizwe lona lime ngaphesheya.
Linikhomba ngeminwe linibek’ amabala.
Kodwa baqale ngokubuyela umva banikela
Umsebenzi wonk’ ezandleni zenu.

Kanti akuthiwa umntu ngumntu ngabantu?
Kudala nanithath’ aph’ umzal’ ayeke khona
Kodwa namhlanje niqala kwa-A.
Nifundis’ ezobuzali kuqala wandule ukuba
nguTitshala. Nibuthwele ubunzima boTitshala
inene.

Ningathini ukungethi amandla xa ninikwa
Umthwalo ongaphezu kwamandla enu.
Ningathini ukungethi amandla xa izitya ezihle
Enizenzileyo zithengiswa ngeemali ezitshisiweyo.
Nandule ke nivuzwe ngeePinatsi.
Ningathini ukungethi amandla xa umsebenzi wenu
Uncomeka.Kodwa unconyelwa phantsi kwebhedi.

Kungekho bani othi aphume esidlangalaleni encoma.
Kakade into embi oyenze namhlanje nokuba inye.
Kodwa iyazigqumelela ezintlanu ezintle obuzenze
Izolo. Kulityelwe ukuba izolo oku bekungenje
Yonakele phi, ngubani owaziyo?
Makasazise nathi sizokwazi.

Namhlanje zininzi izikhalazo ngooTitshala.
Kodwa endikwaziyo ifuthe lomlilo okweziya
Zakhiwo uviwa ngabo ubushushu bawo. Kanti
Nobunzi obuphaya buviwa kwangabo. Thina
sikhala nje asazi nto Kuba sikude nazo.
Kodwa xa sinokusondela sincedisane
Hleze akubuyi kubekho bani ukhalayo.

Rhulumente nawe ngenelela. Wenza ntoni na
Wena ukwenza ooTitshala bazingce bezidla
Ngomsebenzi wabo. Namhlanje bayalibaleka
Ikhondo Lokufundisa. Hayi ngokuba bengalithandi
Kodwa Babona ubunzima negqudu ekulawulwa ngalo
Nengcinezelo kulo.

Hayi mawethu kudala ndigugusheka ndizama
Ukuyinyamezela lenyewe.Kodwa namhlanje ndonele.
Ndithi mandiphume elubala, ndilikhupha litsole
Ntozobawo. Umvuzo wooTitshala uligcuntswana kodwa
Umsebenzi wabo ululutho nokhanyiselo
Lwehlabathi sonke siyayibona lonto.

Ukuze kubekho iinjineli neenzulu lwazi kudingeka
ooTitshala. Ukuze kubekho ooGqirha noonesi
kudingeka ooTitshala kuqala. Zonke iinkonzo
esinazo kwelilizwe zize ngooTitshala. Sala ntoni na
singatsho nje sithi hintshu kooTitshala ntozobawo.
Ngokuba elilizwe alinto ngaphandle kwabo.