Njenge mpepho iqhunyiswa endlini
Nam ndiye be ndenziwa umntu ebantwini
Njenge khandlela elimhlophe livula iindlela

Nam ndiye ndathi makudede ubumnyama kuvele ukukhanya
Nje ngabasebenzi migodini bekhangela iGolide
Nam ndiqhakrazisa inkwenkwezi yam

Kwanga igama lam lingaduma kwihlabathi lonke jikelele
Andenzanga tyala ngokuba namava
Andenzanga tyala ngoku nyuka amawa

Andenzanga tyala ngokunqumla ngaphaya ngaphesheya kwamaza
Andenzanga tyala ngokuthenga ingubo eluhlaza
Yiyo lonto ndigxininisa ndisithi kaloku ndingumntu wakwaNtu