Ityala lam yaba kukuzibandakanya neziyobisi.
Ndazenza ngokwam isigculelo sama khwenkwe.
Ndaphulukana nobuntombi bam ngenxa yokuphapha.
Ewe tyhini! Kaloku ndandine mpawu,
Ndikhwazwa ngapha-nangapha.
Kwakumfiliba ngokuba ndaqhaqhel’ intlavu.
Ityala lam yaba kutyatyush’intshaba
Kanti ndigqib’elam’ikamva.
Sukela lomnin’ubomi bam bandulela ukuba sisiqalekiso
Zange kuvele mfanekiso ngapha.
Ntonje ndasuke ndasisicekiso.
Ubomi bam baqala bayintsunguzi
Ndixel’inyanda yexhegwana.
Ndaba ngutha-tha-tha zabhekel’izwana.
Ndaqhawul’ikhonkco lokuvana
Ndaxel’ilovane.
Atyholw’amagqwirha ngenxa yam
Phofu ndabe ndizithakathe buqu.
Kwathukwa izinja kodwa ndim umfunzi wazo.
Ndaba ngunobangela wokupetyeka kwe kamva lam.
Ndazihlisela isidima ngokwam
Yayiwiswa ndim’indebe yam.
Ewe yaba lityala lam.