Thina sinethemba ukuba lakufika ixesha sakuphuma
kula makhamandela nakwezinzingo zamagada ahlabayo
Yothulwe idyokhwe yobukhoboka phezulu kwamagxa ethu,
Kuba elethu ithemba nguYehova, xa singekho kuye
Sakuphalala nje ngamanzi, sinalo elothemba lokuba
Ngenye imini sakuvuzwa

Lambeswa inxeba ekudala ligxiza lingafumani kurhwaqa,
noko noko ukugciza kwalo ngekhe kuphinde kubonakale naphakade,
ngoba lifumene elona chiza liqokelela likhucule bonke ukungcola ubungaphakathi.
Lifike lihlale ligqithise ngomoya opholileyo

Isiphelo salo lugcobo, uthando, imfudumalo, ulonwabo
ngoba eyethu induku esemgqubeni inesikhwele ngathi.
Kuba isiqalo sayo besiyincindi yekhala, into endephendeph’ engenancasa.
Ngoba thina sikholosa ngomthandazo kuba wona
eyinduku yethu esekhosi siye sambeswe ngawo khelikhaya lethu
Elikhaya lambeswa ngoxolo uthando inzondelelo mayihle
phezulu kwethu.