Iqhawe lam ngutata wam
Kuba uyinto yonke kum
Morgan’s olugqibeleleyo
Ingathi uyayazi inimba kamama
Akhekho omnye umntu onothando okodlula yena

Tata uliqhawe kum
Mna ndijonge kuwe
Kuba kaloku wena wandifundisa ndaqonda
Ndiyakwazi ukuhlonipha kwaye ndine mbeko
Usoloko unam ngamaxesha onke
Ngamaxesha anzima undinika ubulumko
Indima yobangumzali uyidlalile kum
Xa ndililayo uthi, “Thula mntwana’m kuzolunga”
Anga uSonininanini akugcine
Ndiyakuthanda tata