Ubuhle bakho bukhanya okwe nkwenkwezi esibhakabhakeni.
Uncumo lwakho mntwana’bantu. Nd’yavuma ngathi kulapho kwaqalwa khona. Kwaqinisekiswa. Yiva ndisithi akekho omnye onje ngawe. Umkhitha ongaka.

Khangela nd’yamumutheka ndakucinga ngawe. Ndithi ndigcine ndigcine nzwakazi. Mas’khule kunye. Sibemoya’mnye. Sibenotho olungahlukanga.

Masingohlukaniswa ngabo. Ndiyabazi kakade abayithandi into entle. Nzwakazi. Ndithi ndakukujonga. Ndihanjelwe ngumzimba nencinga ezingapheliyo. Azba sawophelelaphi nha. Koluhambo lwethu lusingise entabeni. ndzawakaz entle

Kusasa oku. Ndzazijulicazu. Ndzakuzidla ngawe. Ndiziziqenye. Kuba kalok ndimfumene umama wasekhaya. Nezhlobo zam. Abazali ekhaya.Bayahlokoma. Bengqisha bubuhle bakho. Utsho wandenza umntu. Indoda emadodeni.

Mantsundomhle. Khamjonge. Soze umve ethethela phezulu. Ithobekile intombi. Ukumila kwakho nzwakazi andikukufanisa nanto kulomhlaba. Kukodwa.

Inene inene. Le ngeyam inzwakazi andifuni kuphulukana nayo nangobumnyama na kakade. Sukundishiya kaloku Ntombentle. Hlala nam.

Lishushu elikhaya kwakubakho wena. Ndithi kuwe nd’zak’bambela intaka ekushiyayo mntasekhaya. Yibize ngegama ndikhona ndakuyilanda. Nasemazweni na kakade. Ndakubuya nayo.

Ndiyakuthanda sthandwa. Ikhaya lakho likhona nakule yam intliziyo. Hlala nam sishushubezane kulendlela.
Nzwakazi nzwakazi. Ndithi ungowam wena. Ungowam ungowam molokazana sondela. Masakhikhaya elishushu. Ndithi ewe ewe nzakazi ndiyakholiseka nguwe.

Ndiyakuthanda ndizakuthanda ndiyohlala ndikuthanda. Wena injalo nzwakaz’entle. s’momondiya sentliziyo yam. Usis’thandwa ngenene. Ndithi ngenene ngenene nzwakazi.