Ndidandathekile
Thando undenze ntoni na
Thando thando thando
Zange ndaluva uthando olunjena
Ingaba uthando lukwenza ukhale
Ingaba uthando luphazamisa ingqondo
Ingaba uthando luyadumbisa
Ingaba uthando luyakhalisa
Ukuba uthando lwenza njalo
Ndicela uxolo kodwa andisalifuni
Thando thando thando
Undenze ntoni na
Ndikwenze ntoni na
Sikwenze ntoni na
Bendihlala ndigixa
Ndinqula ndikhala ngomvandedwa
Ndilila ndakudibana nothando kwaphela zonke intlungu ndiphixane ingqondo
Ndabhida umtyholi
Ndithe kanti ndiyazikhohlisa
Belumane luba nemimceli mngeni emininzi kodwa khange ndiphulaphule ndiwayiswa ngabaphambili
Ndibetheke ndabetheka ngenxa yothando
Ndade ndadumba
Ndingu Makad’enethwa inyawo zam zinodaka
Ndinxunguphele ndiyoyoyo ngenxa yothando
Ndigqiba ngelithi banoyolo abangalaziyo uthando

***

This piece of writing was created as part of the WritingMe Writing Clubs with Sophumelela High School, Western Cape. Find out more here.