Intsikelelo
Isiqalekiso

Sekude kubekho abantu abaqalekisa ngokuzibona ubulungisa nam ndililo ilungisa!

Kaloku intsikelelo libhongo isidima nokwakhekha
Kaloku intsikelelo uyifumana ebulungisweni, hayi ebutshiveleni
Uqaqadeka noqalekiswa ukufumana ebutshiveleni
Athi umntu ontsundu uzoba yilento uyiyo de uhambo lwakho luphele ehlabathini engazi ubuwena nentsikelelo zakho nobulungisa bakho.
Sizwe sethu sigade ungcola, siphawula ububi kuqala ukodlula ubuhle
Ngendithi ngumona qha ubutshivela bunempakamo kuphakama nokusa
Akusafukuzi umthi namaqhabi ageza ayabheshuza
Uqamata wawubeka umthetho woba intlonipho ayinabudala
Ayinabuncinci thozama mzikaphalo impakamo ayakhi iyatshabalalisa ikwenzwa utshaba kwindalo.