Intlwa Ayibanjwa Ngentloko Isavela!!
Mzantsi Afrika ndixhwalekile;
Mzantsi Afrika ndikrunekile;
Mzantsi Afrika intliziyo yam yonakele;
Mzantsi Afrika mna ngoku ndihlamba izandla zam.
Zemka iinkomo magwalandini zemka!
Zemka sithokombisile zemka!
Zatshabalala iimveku zaphela,
Zididwa ziintshebe nezimvi.
Sadla imu sizwe sithokombisile.
Buyingozi bulumkeleni.
Buyingozi buqwalaseleni.
Buyityhefu buphapheleni.
Bukwayinyoka buqondeni.
Inkathalo abuyazi kwaphela,
Intloni zafa namthanyane kubo.
Obu butywala ngumbulalazwe
Obu butywala ngumbulali ,
Ongena lusini.
Lonto! Bonga ngumtshabalalisi wezicaka zokuphila.
Omdala nomncinci uyaxhamla kubo abunantanga.
Abunambala buyatshobela unini nosana.
Litshon’ emini eNtshona Koloni.
Lacima ikhandlel’ eMpumakoloni
Kodwa sithi bekufanele ,
Kufomnye ukuze kuzalwe abanye.
Kowu! Nithi makube njala na ?
Lolwani na olu sizana ?
Nyembezana zomeleleyo zinqumleze umbombo.
Zatshintsha izinto ngathi kudala.
Namhlanje amakhay’ayantywizisa.
Namhlanje silahlekelwe zizihlobo.
Namhlanje silahlekelwe ngesibathandayo.
Kowu! Bona imityobo yezithuthi kwezi ,
Ndlela ngobu busuku bayizolo.
Lonto! Inene umzingisi akanashwa.
Masizameni ke ngoko ukuqina somelele.
Sobalekela phi na Nkosi xa singasondeli Kuwe?
Sobaleka ke ngoku kude kube nini?
Siyintoni na isixhobo sethu edabini.
Amazwe aphelile ngenxa yokubhujelwa lithemba.
Khangela emazantsi, kuvele ukukhanya.
Jonga ezulwini, budede ubumnyama.
Singa ngomonde, kulawule uxolo
Mandidle amafutha
Mandidle amafutha
Ngoba iindlebe zenu zode zingeva!!