Lento inzulu okwesiziba
Ngudondolo yedwa onokuyiva
Ifumaneka kude phakathi
Kwamawa kulapho ke yona
Ihlala khona intliziyo

Iquvile ke yona kuqulatha
Ayisindwa igcwel’ amabibi
Okuhle nokubi kulapho
Kwelokhaya lobumnandi
Nobuhlungu intliziyo

Ayimi kodwa uhlala ihleli
Ayilali kodwa ayizibiki
Kozela ayiphumli kodwa
Ayinako ukudinwa ayinangondo
Kodwa igcwel’ ulwazi intliziyo

Kuthi kwakuba mnandi
Akhukhumale unkabi
Mjonge kwakuba kubi uswama
Okwegqabi omve xa ebuza,
Yini na ukuva kumabuhlungu
Komntu ozelelwe entolongweni?
Othi akubethwa kubenzima nokuphuma
Ayophozisa amanxeba ngomoya
Yehova yintando yakho na le
Yokuba mna ndiphile obubomi
Phakathi kwabantakwethu
Nodade bethu
Intliziyo

Yimbangi yobomi bomntu
Ngamavili empilo yomntu
Yingqondo yokuphila komntu
Kulapho kuvela khona uthando
Entliziyweni