Kum uthando ibiyi ntsomi
Kum uthando ibili bali
Kum uthando ibiyinto
Engenamsebenzi
Kodwa namhlanje
Ndisukile kwezongcinga
Namhlanje ndifumene
Uthando

Oh… Madoda ndanela nje
Ukuva ilizwi lakhe suka
Kume yonk’into uncumo
Lwakhe oluhle lundenza
Ndibendongondongo
Ukanti isinxonxo sakhe sindenza
Ndibelikhandlela elangeni

Ituma lakhe linditheza amandla
Ukanti indlela andibamba ngayo
Shuu indigqiba amazwi
Kudala ndikhala ndifuna uthando
Kudala ndipenapena ndifuna uthando
Namhlanje ndilufumene ubambo lwam

Uthando lwakhe ndilubona
Kuy’emehlweni indlel’andithanda ngayo
Ibhalwe kuye ebusweni indlel’aziva
Ngayo ngam yaziwa nangu thathatha
Indlela endimthanga ngayo ayithetheki
Uthando lwakhe lundikhanyisela
Imini nobusuku bayo

Uthando lwakhe lundenza ndincume
Ndedwa phambi kwakhe ndiyahluleka
Kuzimbamba ndisuke ndithambe
ndibeyozo yozo ndibengumtya

Xa ndinaye kuthi tyho entliziyweni
Xa ndinaye yonk’into iyema
Xa ndinaye konke kulungile
Ndiyamthanda uyandithanda

Siyathandana sibanye!
Uthando luyaphila
Uthando ngumanqoba!
Ndingu Usanda Batula!