Siyintoni na isizwe
Ngaphandle kwakho?
Kunzima ukuba nguwe
Kaloku wena akuzicingeli
Ucingela isizwe.

Akuyonto ilula
Ukukhokhela abantu
Nguwe othatha isigqibo
Kubakho uloyiko kuwe
Xa imvano itshabalala
Kwiqembu lakho.

Abaninzi benu abasekho
Kulomhlaba, kaloku
Baninzi abafuna esosithuba
Hayi! noba ngubani angabekwa
Kulondawo yakho?