Indawo endisuka kuyo yindawo apho umntu angamazi omnye umntu. Apho sijongelana phantsi khona kwindawo apho singanqwenelelani ngento entle komnye umntu.

Indawo endisuka kuyo yindawo apho zivula zibhuqe khona, apho imihla nemalanga kukhala izibham ezitalatweni apho kuphathwa izikhali ezingekho se lungelweni lokuphathwa.
Indawo endisuka kuyo yindawo apho athi umntu enze ubudlobongela khona kwa abazali bethu baba kusele abantwana babo ngoku benze engekho selungelweni.

Indawo endisuka kuyo silila imihla namalanga ngolutsha olusebenzisa iziyobisi ngexesha ekumele uye ngalo esikolweni. Ulutsha oluthi isikolo asisi ndawo yincitha xesha nje le bayoyenza phana.

Indawo endisuka kuyo yindawo abantwana abangama ntombi asebenzisa iziyobisi eloxesha umntu uqale ngokhulelwa ngoku ufuna noba phandle apha atshaye iziyobisi umntwana amshiye engena bani kuba efuna ukuyo tshaya iziyobisi.

Indawo endisuka kuyo yindawo apha abazali bethu bebe jonge lukhulu kuthi kodwa thina saphenduka ngelinye icala. Abazali bethu bebejonge lukhulu kuthi kodwa ngoku seyisithi abantu abangcwatywa kuqala kunaba zali bethu.

Indawo endisuka kuyo ukuba silulutsha singazama umamela abazali bethu ukuze sikwazi ukaba zezizinto bafuna sibe ziso sibambisane nabenzi bobubi.

Ndibona ndingumzekelo kulutsha olusestratweni sam esite C kuba wonke umzali uthi ngase afane no Alita ngenye imini.