Waphela umzi kabawo sihleli sijongile ingulowo nalowo uyazenzela. Wakhala umama bakhala nabantwana kwenzeka ntoni na, baphuma abamelwane bedandathekile kwenzeke ntoni, sava ngesithonga somkhono wekati kothuka wonke umntu owaye lapho usatana uqutha endlini kabawo. Kwaphuma amadoda amathathu egcwele ligazi ngathi ebehlamba kulo, kwabaleka wonke umntu owaye lapho yadubula phezulu enye yalomadoda iphethe umnxu wemali.

Bangena emotweni bayibetha yancinci indlela, waxhuma uJola uyokuzibonela ukuba yintoni le ingaka yehliyo kumzi ka Jwarha bangena nabamelwane belandelelana akubamzuzu basothula isikhalo, kwathi kanti umtyholi ugqutha endlini umfazi kaJwarha nabantwana basishiyile. Wafika uJwarha ngokukhawuleza kuba kaloku ungu somashishini kwaye wayengekho ngoku kwenzeka esisehlo wothuka waminxeka wakuva lo mphanga watshaba sijongile yini le.

Elalomini ilanga laligqatsa ubhobhoyi kodwa kwathi ngokwehla esisehlo latshintsha izulu labalela yanetha imizuzu yaphinde yazola. Kwathi xa kurhatyela ngalomini kwafika umphanga othi abarhanelwa babhukuqe nemoto basweleka bonke, ndakhuza andakwazi nokuzibamba kuba kaloku kwakucaca ukuba iinyembezi zikaJwarha nosapho lwakhe azizange ziwele phantsi kwaphela.

Yhoo into zomhlaba azipheli esosehlo andisoze ndasilibala kuba kaloku ithontsi ngalinye linexesha lalo. Yhoo ezomhlaba azipheli, masiceleni uncedo kuMdali kuba kaloku nguye indlela, nguye ubomi, nguye inyaniso ndiyabulela,ndiya bulela bawo ngoku ndipha amandla.