Ungandishiyi ndodwa buya
Khumbula kalok’ iimoto zakho
Ndikhumbul’ ukudlala nawe
Xa ndinawe besisilw’ isithukuthezi.
Singenagxeke nagxanasi.
Singabantwana neziyolo zobuntwana.

Besibukana sithandana
Ndingaqondi xa kunamhla ndakuba ndindodwa.
Umam’ utshil’ izolo wath’ awusabuyi.
Njan’ iimoto zakh’ uzishiyile?
Ndakuzijonga ndivukelwa lithemba.
Ithemba lokub’ usathunyw’ evenkilen’ uzakubuya.

Khumbula mhl’ uhamba!
Sev’ isithong’ endleleni waphakama.
Kant’ udibene nay’ endlelen’ isisiphekepheke.
Yakubetha kwahlanz’ iselwa waphola.
Ndeva ngembol’ amaxeleg’ ezandleni
Ndikuphethe ngeezandla ndikushukumisa.

Vuk’ uzothath’ iimoto zakh’ abaya bafuna zona.
Undothuse ngokungashukumi ndakuthetha ngeemoto zakho.
Kalok ubuzilwel’ ubeluthontsi.
Namhl’ awundihoyi ndakuthetha ngazo.

Umama wakh’ uphum’ ethwel’ izandla.
Isisankxw’ abantu bephithizela.
Ndaqala ndanakan’ ukhon’ undonakele.
Kufik’ imotw’ eyoyukekayo yakukhwelisa.
Ndaqin’ isibindi ndathi nam ndiyakhwela.
Kaloku naw’ ubuvumil’ ukukhwela.
Nam mandikhwele sukundishiya!

Buya mhlobo buya!
Iinkumbulo ngawe zindombethe
Bakokhel’ indlw’ emangcwabeni.
Ndimana ngokuziba ndiyokuvakashela.
Xa ndidlala nawe wena awusadlali.
Kodwa ndikuv’ ukhona ngaphakath’ entlizyweni.

Umam’ uthe mandilibale ngawe
Ndingayenza njan na lonto?
Ngoba wen’ ungumhlobo wenene.
Aph’ ulele khona, nam ndolala khona.
Asoze sohlukaniswe kukufa thina sobabini.
Buya mhlobo buya!

Kwezongubo zakho bhekela ndilale.
Kwelokhaya lakho ndivulele ndingene.
Uzundilinde kwelolizwe.
Nam ngeny’ imini ndakufika.
Iimito zakho ndakuza nazo.
Buya mhlobo buya.