KungoMgqibelo kwilala yaseXhuba eDakeni. Lelali ikwisithili saseXhorha kwaye abantu bayo basaphila ngende’ endala. Ububele babantu kulendawo kubenze banemvano yokuhlala.

Namhlanje amakhwenkwe aseTabasa nawaseDakeni ukuya kutsho kwawaseMngazana alungiselela umtshotsho wangomso kuNgezana.

Apha kuphantsi kwentsimi kaSizakele ngasechibini eDakeni, kuhleli uMbaliso unyana kaZandisile into kaMzamo. Uchophe phezu kwelitye uqingqa ingqalathi yakhe yebhoshane. Ngentlana kancinci kwakhe kuchophe intanga yakhe uGogo into kaMpokoshela. Yona ithe ngqi ezantsi kwesicithana esinenzinziniba nesihlahlana sikacawuza.

Gogo: Ye ntang’am. Lindibethile inxele likaNoxwayumkhala, ndaxweba ingcaba lityibo ngathi lindikhupha entsimini.

Mbaliso: Ndithe ndisajongile phaya ndabona likuthi leku ngequlo wenyuka wonke, yahlala intonga phezu kwenyawo. Wathi xa wothuka leyo lakuphekuza ngengalo wavula isifuba layifaka yaphelela ezantsi kwesiphika. Belifuna ukubetha apha embonjeni qha wena ubhekele kakhulu.

Gogo: Mfondini, ndigalele kwaba kanye qha apha esiqulubeni. Hayi ke, landikhawulezela inxele. Kodwa ngomso ndililindele, ndizolicokisa.

Mbaliso: Alizubakhona ngomso lizobasesiphorheni eNgcinase, liphume liye eMandluntsha emguywedini. Ndibuze kwezintwana zakwaBhalangile.

Gogo: Belizawugoduka ngesileyi ngomso ntang’am. Andizudlala ngomso mfondini. Kodwa ukuba angakhona uFafi unyana kaJongizulu kwaPawuli ndingafane ndidlale naye.

(Bathe bakugqiba ukuncokola baphakama bagoduka behamba bethetha ngomtshotsho wangomso.)

[Kude kwasa okungaliyo amakhwenkwe avuka xa kumpodo zankomo, akhonya elungiselela ukuya emtshotshweni. Inkwenkwe nganye yalazi izembe layo apho likhoyo. Atsho ngemintsheke neepotani ezimbeje-mbeje ukunyusa indlela esiya kuNgezana kwaBlayi kwaTshonyana. AwaseXhuba amakhwenkwe ayekhokelelwe nguTsotsi into kaMabhamza noGogo into kaMpokotshela. UMbaliso yena wasalela ngemva ehamba noNomadududu, umqala ugcwele imibongo ehlohlwe ziintombi zabafana.]

[Athe akufika amakhwenkwe aseXhuba eMkhiwaneni ahlala phantsi emthunzini. Alindana ke ade afika onke athi nqwadalala phantsi kwalomthi. Ancokola ke emana ukuleqana ngamazembe eqhulana ngeziganeko zobukhwenkwe.

[Kwathi xaliqala ukufudumala kwabe kuyilonto yingxolo. Amanye ayecwaya ngamahlahla esixeza nenkanga. Uninzi lawo ayehleli encokola ngeentombi zoonatsi basemathileni.

[Kuthe kusenjalo kwavela impi yakuBhanqo phezulu ikhokelwe yintwana kaBhalangile ikhonya ibizwa phezulu.]

Mbaliso: MntaMpokotshela ntang’am. Hamba uthi kulantwana kaBhalangile iyangxola ndiphumle apha. Baleka mfo wam ingasondeli kulendawo ingayivanga loonto.

Gogo: Uyandiqhela kwedini Mbaliso mfo wam. Vala phaya kwedini zingadluli ezintwana ingekho eyophayo.

(Kuphakama uMbaliso ephethe izembe lakhe nomnqayi obhewulweyo. Waqula akugqiba waligangatha iqulo lakhe ukubona ukuba liyifanele na intonga. Uthe akufika phakathi endleleni waphosa intonga yakhe phambi kwakhe kangangamanyathelo amathathu. Uthathe izembe lakhe walibe gxumeka emva kwakhe. Akugqiba wajonga ezantsi wakhonya ezibiza ngokuzibiza.)

Mbaliso: Aaawu! Aaawu! Awu! Isihlobo sikaNgconde, sikaTshiwo, sikaPhalo. UNanko-nanko namhla ingenguye. Umzukulwana kaMaphiko, uZibunu zentaka yimilenze, uSokungxongxa, uSokungxabalaza, ing’onyo, uJikela bangene. Zenithi kuSikhahlana azondithatha apha. Yiza Bhalangile ndikunike into uyitye wedwa.

(Athi akufika amakhwenkwe akuBhanqo kuye ema. Waphuma embumbeni uBhalangile equle waligangatha. Wangqola apho kufele ithole umf’omkhulu kucaca ukuba ufuna ukubetha koomofu lingekatshisi ilanga.)

Bhalangile: Nto kaKheyizana ndibethe ndizothathwa ngeenkabi apha. Khawulezisa mfondini andiphelelanga apha.

(Ayaphendula into kaMzamo, yathatha intonga yayo yavala. Bamelana bejongene ngezikhondo zamehlo. UMbaliso ukhokelise unyawo lwasekhohlo wawuxhoma umnqayi ukuwuphatha oku. Uthe uBhalangile akubona lamlenze wayawonke ewubetha. Uthe makawubethe, wafika umkile umlenze. Wathi xa aphakamisa intonga kwakhona ukuze agalele futhi, lahlala ityibo entla kwengqiniba kwatsho kwehla ingalo. Wathi akubona uMbaliso ukuba ihlile ingalo wabeka ityibo entla kweshiya lasekhohlo. Wadidizela uBhalangile wayohlala ngeempundu emthumeni amehlo ewakhuphe ngathi ufake ubhontsi ezimpundu. Waphakama watshayelela kancinci emva koko wema phambi kwenkwenkwe kaZandisile, yona eyayimile ingagungqi.)

Mbaliso: Bhalangile, yithi kum “Mbaliso ndifuna ukugqitha”, ndizosuka ndikugqithise.

Bhalangile: Hayi mfo wam, ndizakubetha usuke endleleni ndihambe. Wena yiza kum ndikubethe qha usuke endleleni ndihambe.

(Bathe kanye xa behlangabezana kwanqanda uGogo ngelihlabayo.)

Gogo: Khelela kwedini! Nantso into kaPawuli isiza ithe chu neentombi zenu. Enentliziyo kanina mayitsho kuye aqule iqabel’ikhutshwe ngoku. (ebhekisa kuMbaliso) Yeka lentwana ihambe nembumba yayo ingafeli apha.

Mbaliso: Bhalangile, dlula mfo wam, andikubambanga nganqala.

Bhalangile: Yidiphu ngoMvulo nto kaMzamo. Uyifihl’emgqubeni mfo waseMatshaweni.

(Wedlula umfo kaBhalangile eyiloonto ligazi nobumdaka bevukazi. Wakhulula umsubhe nemibongo emibini wayinika intombi kaBakhulu emaNtsilibeni ukuba imphathele yona. Wahamba umf’omkhulu akhe amaxhaga okwenkabi yefolosi exatyelwayo.)

[Yagaleleka into kaPawuli, umzukulwana kaTyebileyo. UTiyeka uJojo, unyana kaMrhwati uFafi igama lokubizwa. Iintanga zakhe zithi nguMacofana xa zimbiza. Urheme lo wena ubuya etorhweni ufike ngezolo.]

Mbaliso: Kwedini kaPawuli awunohamba neentombi zethu kwedini sikhona. Liphi iswazi lamakhwenkwe mfo wam?

Fafi: Kwedini kaSikhahlana usageza nangoku? Iswazi nizodibana nalo ngomgqibelo kwesasiphorha sikuloBambidonki. Ndiniphathele nomgrugra webhulanti ebomvu makwedini.

Gogo: Uyayazi ukuba awungeni emtshotshweni lingekakhutshwa iswazi lakho. Ungabulawa ngamakhwenkwe aseSrhotsheni nawakuloMbudlu.

Fafi: Ndifuna nithi nilitya eloswazi nibe ninezivubeko zokungonjwa ndim. Qula kwedini Gogo ndikulimaze ngoku ungayi kuloomtshotsho.

Gogo: Akutsiwo kum ndisiva. Kodwa ke, ndizokuqulela xa uze neswazi kuqala mfo wam.

(Bahlala bonke phantsi nembumba belinde amanye amakhwenkwe. Afika ngokufika amakhwenkwe eendawo ngeendawo. Kwagqibela ukufika amakhwenkwe akuloGcorha nawaseMngazana nawaseMandluntsha. Kwagcwala nkwenkwe yonke indawo ngaseMkhiwaneni.)

Gogo: (esombela ingoma yakhe) Animbonang’umagog’ehluth’imali katata.

Imbumba: YeeGogo iph’imali?

Gogo: Ningombel’ingoma yam nicubhukile? Zithende zenu nithe nqeke amagqenene nangxongxa? QHWABA!!

Imbumba: YEGOGO IPH’IMALI?

(Yaphakama into kaMpokotshela yarhuqa umntsheke wayo yangen’endleleni. Yema ijonge embumbeni, yakhulula ivithana layo yakhonya. Yathi yakubazela ngomva baphakama abebesahleli phantsi bema ngeenyawo. Yafaka izembe nomnqayi ekhwapheni iqulo yaliphatha ngesokhohlo. Wayirhuqa imbumba uMpokotshela ingumkhosi emva kwakhe isombela amagwijo obumbano nombholorho.

[Bafika enkundleni kwaTshonyane wayimisa imbumba uGogo. Wema phambi komnyango wendlu enkulu wakhonya kalusizi ejonge ngaphakathi. Labe lisitsho igwijo libekele phantsi ngokunesidima nembeko.]

(Simshiye umfo kaMpokotshela ekhonya enkundleni yakwaTshonyana phezu komlambo uXhama. Masiphinde sijonge ukuba iyintonina le yalentwana madoda.)

Ikhonye yakhonya inkwenkwe kaMpokotshela ingxange phambi komnyango. Yaxhuma kabini lenkewu yabizwa phezulu ngathi itshidile ngembabazane. Uxhume wangena endlwini enkulu kuhleli abafazi abayileyo phaya eshumini elevisayo. Phaya entla kubekwe uthomthala womqombothi uyabila. Uthe akufika unkabi wankxuza ivithana lakhe lonke, akugqiba waya emnyango.

Nozazi: Yehakee!! Nants’ityhag’idakis’utywala bamancentsa. Hayi! Hayi! Hayi!

(Uphumile uGogo wema phambi kwembumba ivithana livuza utywala besintu. Unyukele ngentla kwabo walihlakaza kabini kathathu ekhonya okwenkabi elikhwange isiva umswane. Iliphosile into kaMpokotshela ivithana besobela abantu embumbeni. Akugqiba ukuphos’ivithana warhuqa imbumba kwehliwa ukuya kumzi omncinci wakwaTshonyana phezu koXhama.

Nowelile: Bizan’uyise kaMagaqa enyuk’esapha. Nomakhwezi!! Xelela lamakhwenkwe umtshotsho usezants’apha. Mabemke kulenkundla ingekafiki incentsa yalomzi. Mabahambe!!

Nomakhwezi: Nabaya besihla ngommango besiya ezantsi kuloNomava.

Manzotho: Basile ke ababantwana. Tyhini!! Ukusuka umntwana afune sisele iinwele zakhe. Ayiyokwenkwe lento le, yinja qha iswele umsila ngekhonkotha.

(Bafikile kwaTshonyana batshotsha ukusukela ngobo busuku kwade kwasa phandle iintombi ezisuka kumtshotsho wesincinci zikhuphisana ngokuzenzela igama ngengoma. Intombi kaBakhulu uNtombebomvu wayethi xa esombela uMacofana ajonge edongeni. Uthi wakumjonga apha emqolo ufike ebalekisa imihlololwane neentsula ezi ngathi yingcongolo. Entla ngasengxumekweni kumi into kaMzamo ingqiyamile ngezembe layo ibile imanzi kuxhentsa. Kwade kwasa okungaliyo, amakhwenkwe esincinci athe nqwadalala entla kwezindlu ezobukela udlalo lwamakhwenkwe.

Gogo: Viiiittyooo!! (iphele ingoma, kujongwe kuye ngoku). Ikhwelo lityala makwedini. Mamelani xa ndithetha. Ngoku kusile nelanga seliphumile, xalithi chapha kuCuntsula sizophuma sithi chu ukugoduka. Ninganyebelezeli kuzakudlalwa makwedini. Enentliziyo kanina izekum ndiyiseze iyeza ngoku. Yitsho ingoma ntombi sukuthanda iindaba.

Nomdongwe: (ecula) Bekutheni Zoleka, walala ngomqol’egadini? Iyho! Molo nomama…

(Waphuma ke umtshotsho, ngokwesiqhelo aphuma amakhwenkwe amakhulu ekhokele imbumba esombela. Yenyuka isombela ingoma kumnandi kumntu wonke. Amakhwenkwe esincinci ayehamba emva kwembumba engena nawo ezingomeni zombumba.

[Kuthe xa athi gqi kulantili ingaseMkhiwaneni bengekafiki kuwo, waphuma embumbeni uMacofana waphosa ikrali yakhe phambi kwakhe, wema ejonge embumbeni. Waqula ngomrhaji wakhe waligangatha iqulo lakhe. Wema into ende yexesha kungaveli namnye embumbeni.]

Mbaliso: Suka mfondini sihambele, akukho mntu ufuna ukulimaza wena kwedini singekalifumani iswazi lethu. Jongisa umbombo ekhayeni ke mfo wam ungenzakali.

Fafi: Inkwenkwe ibenye ndiyiseze iyeza.

(Kwaphuma intokaNduli emaNtshilibeni kwaHekeni, uSiphiwo ngegama. Waya sele egxanya uMdumane kucaca ukuba ufuna kuphele int’ibithethwa ngokukhawuleza.)

(Sishiye uSiphiwo egxanya ukuya kunyana kaMrhwati)

(Unyathele kabini kathathu uSiphiwo ezixhomile iintonga zakhe. Umile uMacofana wamjonga ekekele omkhulu ngathi ngunonkala. USiphiwo wagalela equlweni akugqiba waxhuma wabuya umva. Wema umfo kaJojo ejonge uMdumane xa etaka-taka. Uthe xa athi uyaphinda equlweni uSiphiwo, yangena intonga encumeni ixwesile. Wathi esajonge loonto lahlala ityibo entungweni wagxadazela. Uthe makaxhume, xa afika phantsi yahlala intonga ezintetheni waguqa ngamadolo. Wathi xa aza kumbetha entloko kwahlanganisa uMbaliso)

Mbaliso: Sukulwa mfo kaZikhali. Kuyadlalwa mntwan’exhego akuliwa.

Fafi: Enentliziyo kanina ngapha. Musani ukundixelela inkcasalala madoda. Umntu phambi kwam ndibethe.

Mbaliso: Yiza undibethe mfo kaPawuli ke. Ndizawuse ndiphindisa ke xa kubuhlungu.

(Waligangatha ke umfo kaMzamo ngokucaca ukuba imbumba imile ayihambi. Wathi esagqiba ukuqula, kwafika inxele likaNoxway’umkhala livela eSirhosheni.)

Inxele: Kwedini Fafi, qula ndikubethe ngoku. Khawulezisa liyahamba ilanga mfo wam. Mzamo, ngena embumbeni wena kwedini ndikubonise xa kubethwa INYIWANA (new one).

(Ahlangana amakhwenkwe amakhulu kwaqhum’uthuli. Waqabela uNoxway’umkhala kwasiphuka izicithi, kwacebuka minqayi, kwankcenkceza magazi. Yabe isombela intombi kaNofanele uNtombebomvu isithi “Yee Juliwe, zitsho phantsi naphezulu, zitsho phantsi”. Yahlokoma imbumba ibona ukuba akukho ifuna ukubuya ngamva apha kwesisibini. Kuthe emva kwexesha elide kusihla intonga, yophuka ekaPawuli intonga. Wacela ukumelwa uJojo.)

Fafi: Ye Mzamo mfondini, ndinike umnqayi ndibethe elinxele lisuke phambi kwam.

Inxele: Awunakundisusa apha kwedini kaPawuli, ndizakulimaza ngoku.

Fafi: (ebhekisa embumbeni) Phakama undombelel’ingoma yam ntombi sizawuhamba ngoku. Phakamani nonke ningombeli ingoma yam nihleli phantsi.

(uthe akuyiphosa intonga uMbaliso wayithatha uFafi waya nayo ezantsi kwembumba wayichamela. Akugqiba wayithatha wayovala kuNoxway’umkhala)

Inxele: Ubuyile ntang’am?

Fafi: Ndizawukubetha ngoku ntang’am.

(Baxhoma kwakhona bobabini. Wagalela Noxway’umkhala efika entungweni kuFafi. Wabuyisa umva intungo yakhe umf’omkhulu ejonge kuMbaliso. Waphinda waxhoma uFafi ejonge inxele. Lagalela inxele entungweni kwakhona lafika ingekho apho intungo. Lathi lisajonge leyo, lahlala ityibo engqinibeni yasekunene wathoba iqulo. Lenyuka ityibo ukuyohlala entla kwendlebe waxhathalaza uNoxway’umkhala.

[Wathi xa azama ukunyusa ingalo enequlo yahlala intonga entungweni, yahlala edolweni waguqa ngamadolo. Lahlala emntwini ibhotshane ngokungathi yintshumayelo kumhedeni. Wayifaka ezantsi kwembambo ekunene, wayiphinda ekhohlo, wambetha elingatsitywa nayintwala entla kwentshiyi. Wawa ngomqolo wafa isiqaqa ixetsha elide.

Wakhulula iqulo lakhe uMacofana walinika uNtombebomvu ukuba agoduke nalo. Yena wangena embumbeni kwadlalwa kwade kwayofikwa eXhuba. Yohlukana imbumba ngakwa Zibunu zentaka yimilenze.)

[Isiphelo]