[Emva kwentsuku entathu. USizwe usendleleni egodukayo uvela esikolweni, udibana no Ta-Sox.]

Ta-Sox: (evele ngefestile yemoto) Usandikhumbula phofu?

Sizwe: (ebhekabheka) Ewe ndisakwazi.

Ta-Sox: Lifikile ke ngoku ixesha lokuba ezika Khesare zibuyele ku Khesare, kuba noko lide ithuba ngoku.

Sizwe: Ta-Sox, ndiyakuthembisa ndizakuhlawula ingekapheli le inyanga.
Ta-Sox: (ekhuphe amehlo) Kanti ixesha eli lonke kwedini ubusenzani? Ezi zinto ndandikunike wazenzani? Ndikunika intsuku ezimbini uze nemali yam iphelele, andifuni mabali.

Sizwe: Ndiyakuthembisa bhuti ndizakwenza njalo (atsho ehamba).

[Kusemzini ka Ma’Nyawuza. USizwe, uMa’Nyawuza kunye no Nokhanyo bahleli kwigumbi lokuphumla bayatya.]

Nokhanyo: Sizwe kutheni wangath’ukhathazekile nje, mntan’am. Ingaba ikhona into ekukhathazayo?

Sizwe: Hayi, Mama akukho nto indikhathazayo, yonke into ilungile.

Nokhanyo: (emcenga) Sizwe mntan’am thetha nam, kuba ndiyakubona uba ikhon’into engakuhlelanga kakuhle.

Sizwe: Mama ndiyakucela uzungandiqumbeli ndakukuxelela lento. Into endanza ndikhathazeke ngu Ta-Sox, lowase White Park. Ndandiboleke imali kuye ndizakuthenga izinto zesikolo, ngoku uyayifuna imali yakhe, uthe undinika nje intsuku ezimbini.

Nokhanyo: (edanile) Sizwe uyenza njani into yokuboleka imali? Ndandithe kuwe ungabozikhathaza ngezinto zemali ndim umzali wakho, kufuneka ibe ndim owenz’icebo.

Ma’Nyawuza: Lo Ta-Sox ayisingo Sonwabile, lo ubolekisa ngemali ezalayo e White Park?

Sizwe: Ewe nguye.

Nokhanyo: Uyayiqonda ukuba yingxaki le undifake kuyo, kuba mna kuqala andikayihlawuli imali yalomfana.

Sizwe: (othukile) Nawe Mama wathath’imali kuye?

Nokhanyo: Ucinga lemali wawuthenga ngayo izinto zesikolo yayivela phi? Kodwa ungakhathazeki, sizolenza icebo.

Ma’Nyawuza: Khanitheni ndiyolala ndiyavukela kusasa.

[Uma’Nyawuza ayongena egumbini lakhe lokulala.]

Nokhanyo: Nam mandiyolala ndiyavukela kusasa.

[UNokhanyo ayolala ushiya, uSizwe esabukele umabona kude.]

Sizwe: (ezithethela) Akhonto ndizoyihlalela nam mandiyolala.

[Acime umabonakuba ayolala.]

[Kungentseni yangoLwesine. Izulu lithe gqume ngamafu. Usizwe uhleli nonina egumbini lokuphumla kwa Ma’Nyawuza.]

Nokhanyo: Namhlanje ndifuna uyohlawula la Ta-Sox, andifuni nento eyakuphinde isidibanise naye.

Sizwe: Ulijongile Mama phofu izulu apha phandle, ingakufumani le mvula.

Nokhanyo: Andiboni mgushuzo apha kuwe, uthini ngesikolo?

Sizwe: Sigqibil’ubhala thina ndazakuya xa sivulela ikota yesibini.

Nokhanyo: Okay, Kulungile!

Sizwe: Mama, utata ebengekakufowneli mhlawumbi?

Nokhanyo: Sizwe, utatakho akho simdinga ngayo, xa efuna ukuza uzakuza uyasazi apho wayesishiye khona.

Sizwe: Mna, Mama, ndiyamdinga; zikhona izinto ezisafuna utata apha ebomini bam.

Nokhanyo: (ngelicengayo) Sizwe mntan’am nam andiyithandi lento wasenza yona uMongezi, kodwa kufuneka samkele ukuba unolunye usapho ngoku. Mandihambe ndizakubona xa ndibuya.

[Aphume aye edolophini]

[Emva kweyure.]

Sizwe: Ukhawulezile ubuya mama.

Nokhanyo: Ndisole ndagqitha White Park ndayobhatala lamfana, akaphinde abe esilandelela ngemali yakhe.

Sizwe: Enkosi kakhulu mama, nam ngoku ndizakutsho ndilal’obuhlayo.

Nokhanyo: Ndimke apha ungonwabanga yindaba katatakho!

Sizwe: Ewe Mama iyandikhathaza lento katata, ukuba ngaba unabanye abantwana bekufanele nathi sibazi.

Nokhanyo: Into ebalulekileyo mna ndizohlala ndikhona, akho apho ndiyakhona.

[Kusemveni kweminyaka emine. Yinyanga yeNkanga uSizwe ngumtshitshi unxibe dlaka-dlaka ulungiselela ukwaluka. Kungena umalume wakhe uVelile besahleli njalo.]

Nokhanyo: Yintoni bhuti wabukeka ukhathazekile?

Velile: (ekhathazekile) Ngokubona kwam kuza kunyanzeleka sizenzele yonk’into kuba lendoda ingu S’bali iyekelel’umxakatho, ayifuni nto eyidibanisa nokwalusa, unyana wayo ke phofu.

Sizwe: (ekhathazekile) Yintoni na le ndamenza yona utata, emenza angafuni nokundalusa? Ndabayintoni ukwalukela kulo mama kodwa ukhona uyaphila?

Velile: Sukhathazeka mtshana eyokuba walukele phi ayibalulekanga, into ebalulekileyo uzakuba yindoda.

[Kuthi cwaka okomzuzwana.]

Velile: Ubusowusifakile phofu isicelo sendawo yokufunda na mtshana?

Sizwe: Ewe malume, bendifake isicelo apha kuleYunivesithi yalaph’eKapa, kodwa bendingekafumani mpendulo.

Velile: Uzakulandela eliphi ikhondo ukuba sithe samkelwa isicelo sakho?

Sizwe: Ndifuna ukwenza iJournalism.

Velile: (encumile) Ndiyavuya ke mtshana xa sele uthathe isigqibo ngobom, bakho ndiyazingca ngawe.

Sizwe: Enkosi malume.

[Kuthi cwaka okomzuzwana.]

Nokhanyo: Kukho into endifuna ukukuxelela yona ngodad’wenu.

Sizwe: Yinto eyintoni leyo mama?

Nokhanyo: Wena noSisipho utata wenu akamnyanga.

Sizwe: Ngubani utatakhe?

Nokhanyo: Eyokuba ngubani ayisabalulekanga.

Sizwe: Mama andiyithandi lento yokuba izinto sizive mhla ligquthayo, kum ibalulekile lento uthi ayibalulekanga.

Nokhanyo: Utata ka Sisipho wasweleka.

Sizwe: (atsintshe incoko) Malume nigqibe ngelithini ngendaba yam yokwaluka?

Velile: Mtshana sigqibe ekubeni thina singobawozala bakho sikwaluse ngokwethu, kuba siyabona ngathi uyihlo akabethelwa nangu do.

[Kusemveni kweveki uSizwe ebuyile esuthwini. Kufika ileta kowabo besahleli njalo]

Velile: Ivela phi na mtshana?

Sizwe: Ivela eYunivesithi malume.

Velile: Yivule kaloku mtshana uve ukuba bathini.

(Eyivula ebethelwa luvalo.)

Velile: Ithini ke mtshana?

Sizwe: (evuya) Ndiyifumene indawo yokufunda.

Velile: (evuya) Zindab’ezimnandi ezo mtshana.

[Kungena uNokhanyo, uSizwe nomalume wakhe besachulumance njalo.]

Nokhanyo: Kwenzeka ntoni ndav’ingxolo ndingaphandle?

Velile: Umtshana wamkelwe eYunivesithi.

Nokhanyo: (evuya) Zindab’ezimnandi ezo, kuthwa uzoqala nini?

Sizwe: Ndizoqal’apha kulenyanga yoMdumbha.

Velile: Utatakho kuyafuneka aziswe ngayo yonke lento. Kuzofuneka ndithath’uhambo oluya eZwart Water ndiyokwazisa uS’bali.

***

Ncokola: Ungafuna ukumazi umzali wakho xa ungakhuliswanga nguye? Ngoba kutheni?