[Emva kwentsuku entathu. USizwe usendleleni egodukayo uvela esikolweni, udibana no Ta-Sox.]
Ta-Sox: (evele ngefestile yemoto) Usandikhumbula phofu?
Sizwe: (ebhekabheka) Ewe ndisakwazi.
Ta-Sox: Lifikile ke ngoku ixesha lokuba ezika Khesare zibuyele ku Khesare, kuba noko lide ithuba ngoku.
Sizwe: Ta-Sox, ndiyakuthembisa ndizakuhlawula ingekapheli le inyanga.
Ta-Sox: (ekhuphe amehlo) Kanti ixesha eli lonke kwedini ubusenzani? Ezi zinto ndandikunike wazenzani? Ndikunika intsuku ezimbini uze nemali yam iphelele, andifuni mabali.
Sizwe: Ndiyakuthembisa bhuti ndizakwenza njalo (atsho ehamba).
[Kusemzini ka Ma’Nyawuza. USizwe, uMa’Nyawuza kunye no Nokhanyo bahleli kwigumbi lokuphumla bayatya.]
Nokhanyo: Sizwe kutheni wangath’ukhathazekile nje, mntan’am. Ingaba ikhona into ekukhathazayo?
Sizwe: Hayi, Mama akukho nto indikhathazayo, yonke into ilungile.
Nokhanyo: (emcenga) Sizwe mntan’am thetha nam, kuba ndiyakubona uba ikhon’into engakuhlelanga kakuhle.
Sizwe: Mama ndiyakucela uzungandiqumbeli ndakukuxelela lento. Into endanza ndikhathazeke ngu Ta-Sox, lowase White Park. Ndandiboleke imali kuye ndizakuthenga izinto zesikolo, ngoku uyayifuna imali yakhe, uthe undinika nje intsuku ezimbini.
Nokhanyo: (edanile) Sizwe uyenza njani into yokuboleka imali? Ndandithe kuwe ungabozikhathaza ngezinto zemali ndim umzali wakho, kufuneka ibe ndim owenz’icebo.
Ma’Nyawuza: Lo Ta-Sox ayisingo Sonwabile, lo ubolekisa ngemali ezalayo e White Park?
Sizwe: Ewe nguye.
Nokhanyo: Uyayiqonda ukuba yingxaki le undifake kuyo, kuba mna kuqala andikayihlawuli imali yalomfana.
Sizwe: (othukile) Nawe Mama wathath’imali kuye?
Nokhanyo: Ucinga lemali wawuthenga ngayo izinto zesikolo yayivela phi? Kodwa ungakhathazeki, sizolenza icebo.
Ma’Nyawuza: Khanitheni ndiyolala ndiyavukela kusasa.
[Uma’Nyawuza ayongena egumbini lakhe lokulala.]
Nokhanyo: Nam mandiyolala ndiyavukela kusasa.
[UNokhanyo ayolala ushiya, uSizwe esabukele umabona kude.]
Sizwe: (ezithethela) Akhonto ndizoyihlalela nam mandiyolala.
[Acime umabonakuba ayolala.]
[Kungentseni yangoLwesine. Izulu lithe gqume ngamafu. Usizwe uhleli nonina egumbini lokuphumla kwa Ma’Nyawuza.]
Nokhanyo: Namhlanje ndifuna uyohlawula la Ta-Sox, andifuni nento eyakuphinde isidibanise naye.
Sizwe: Ulijongile Mama phofu izulu apha phandle, ingakufumani le mvula.
Nokhanyo: Andiboni mgushuzo apha kuwe, uthini ngesikolo?
Sizwe: Sigqibil’ubhala thina ndazakuya xa sivulela ikota yesibini.
Nokhanyo: Okay, Kulungile!
Sizwe: Mama, utata ebengekakufowneli mhlawumbi?
Nokhanyo: Sizwe, utatakho akho simdinga ngayo, xa efuna ukuza uzakuza uyasazi apho wayesishiye khona.
Sizwe: Mna, Mama, ndiyamdinga; zikhona izinto ezisafuna utata apha ebomini bam.
Nokhanyo: (ngelicengayo) Sizwe mntan’am nam andiyithandi lento wasenza yona uMongezi, kodwa kufuneka samkele ukuba unolunye usapho ngoku. Mandihambe ndizakubona xa ndibuya.
[Aphume aye edolophini]
[Emva kweyure.]
Sizwe: Ukhawulezile ubuya mama.
Nokhanyo: Ndisole ndagqitha White Park ndayobhatala lamfana, akaphinde abe esilandelela ngemali yakhe.
Sizwe: Enkosi kakhulu mama, nam ngoku ndizakutsho ndilal’obuhlayo.
Nokhanyo: Ndimke apha ungonwabanga yindaba katatakho!
Sizwe: Ewe Mama iyandikhathaza lento katata, ukuba ngaba unabanye abantwana bekufanele nathi sibazi.
Nokhanyo: Into ebalulekileyo mna ndizohlala ndikhona, akho apho ndiyakhona.
[Kusemveni kweminyaka emine. Yinyanga yeNkanga uSizwe ngumtshitshi unxibe dlaka-dlaka ulungiselela ukwaluka. Kungena umalume wakhe uVelile besahleli njalo.]
Nokhanyo: Yintoni bhuti wabukeka ukhathazekile?
Velile: (ekhathazekile) Ngokubona kwam kuza kunyanzeleka sizenzele yonk’into kuba lendoda ingu S’bali iyekelel’umxakatho, ayifuni nto eyidibanisa nokwalusa, unyana wayo ke phofu.
Sizwe: (ekhathazekile) Yintoni na le ndamenza yona utata, emenza angafuni nokundalusa? Ndabayintoni ukwalukela kulo mama kodwa ukhona uyaphila?
Velile: Sukhathazeka mtshana eyokuba walukele phi ayibalulekanga, into ebalulekileyo uzakuba yindoda.
[Kuthi cwaka okomzuzwana.]
Velile: Ubusowusifakile phofu isicelo sendawo yokufunda na mtshana?
Sizwe: Ewe malume, bendifake isicelo apha kuleYunivesithi yalaph’eKapa, kodwa bendingekafumani mpendulo.
Velile: Uzakulandela eliphi ikhondo ukuba sithe samkelwa isicelo sakho?
Sizwe: Ndifuna ukwenza iJournalism.
Velile: (encumile) Ndiyavuya ke mtshana xa sele uthathe isigqibo ngobom, bakho ndiyazingca ngawe.
Sizwe: Enkosi malume.
[Kuthi cwaka okomzuzwana.]
Nokhanyo: Kukho into endifuna ukukuxelela yona ngodad’wenu.
Sizwe: Yinto eyintoni leyo mama?
Nokhanyo: Wena noSisipho utata wenu akamnyanga.
Sizwe: Ngubani utatakhe?
Nokhanyo: Eyokuba ngubani ayisabalulekanga.
Sizwe: Mama andiyithandi lento yokuba izinto sizive mhla ligquthayo, kum ibalulekile lento uthi ayibalulekanga.
Nokhanyo: Utata ka Sisipho wasweleka.
Sizwe: (atsintshe incoko) Malume nigqibe ngelithini ngendaba yam yokwaluka?
Velile: Mtshana sigqibe ekubeni thina singobawozala bakho sikwaluse ngokwethu, kuba siyabona ngathi uyihlo akabethelwa nangu do.
[Kusemveni kweveki uSizwe ebuyile esuthwini. Kufika ileta kowabo besahleli njalo]
Velile: Ivela phi na mtshana?
Sizwe: Ivela eYunivesithi malume.
Velile: Yivule kaloku mtshana uve ukuba bathini.
(Eyivula ebethelwa luvalo.)
Velile: Ithini ke mtshana?
Sizwe: (evuya) Ndiyifumene indawo yokufunda.
Velile: (evuya) Zindab’ezimnandi ezo mtshana.
[Kungena uNokhanyo, uSizwe nomalume wakhe besachulumance njalo.]
Nokhanyo: Kwenzeka ntoni ndav’ingxolo ndingaphandle?
Velile: Umtshana wamkelwe eYunivesithi.
Nokhanyo: (evuya) Zindab’ezimnandi ezo, kuthwa uzoqala nini?
Sizwe: Ndizoqal’apha kulenyanga yoMdumbha.
Velile: Utatakho kuyafuneka aziswe ngayo yonke lento. Kuzofuneka ndithath’uhambo oluya eZwart Water ndiyokwazisa uS’bali.
***
Ncokola: Ungafuna ukumazi umzali wakho xa ungakhuliswanga nguye? Ngoba kutheni?