[USizwe uya edolophini eyokuthenga izinto zakhe zesikolo. Endleleni eya edolophini udibana no S’busiso kunye no Lindile bethengisa kwisikhululo seteksi sase New section.]

Sizwe: Sixhaphakelene kwezi ntsuku.

Sbusiso: Ndiqaphela lonto, phofu kumaxa undawoni nalamcimbi ubuwufumana ku Ta-Sox?

Sizwe: Bezingekahambi.

Lindile: Ziphi kengoku?

Sizwe: Zikhona ndizishiya egumbini lam lokulala.

Lindile: Kufuneka ubengathi uthe qwa ngendawo ozibeka kuyo ezazinto, ngokuba ungasengxakini enkulu xa unokuphulukana nazo.

Sizwe: Ningalibali kaloku ngumthunzi wenkukhu lowa. Ukuba ndingabhaqwa ndihambe ndiwuthengisa ndingasengxakini enkulu.

S’busiso: Ukuba kungenzeka uphulukane nazo, angaxabana nawe kakubi u Ta-Sox.

Sizwe: U Ta-Sox ubukeka engumntu ozilungeleyo nje.

Lindile: Utsho nje uba ungamazi u Ta-Sox, ucinga thina ngesisenza lento siyenzayo uba ebengumntu olungileyo?

S’busiso: Masikushiye, singakulibazisi.

[US’busiso no Lindile bashiya uSizwe esalinde iteksi. Emveni kwemizuzwane ifike iteksi akhwele uSizwe aye edolophini, afike athenge zonk’izinto ezifunwa esikolweni aphinde abuyele ekhaya.]

[Akufika kowabo.]

Nokhanyo: Thyini! Ukhawuleze wabuya.

Sizwe: Bekungagcwelanga noko namhlanje, yilento ndikhawuleze ndabuya.

Nokhanyo: Uzifumene zonke kengoku ezizinto ubuye kuzifuna?

Sizwe: Ewe mama ndizifumene zonke.

[USizwe ungena egumbini lakhe lokulala ubeka izinto zakhe zesikolo, akugqiba aphume aye kubahlobo bakhe eWhite Park. Njengesiqhelo ufika uS’busiso kunye no Lindile behleli kwenye yevenkile zabantu bangaphandle eseWhite Park.]

S’busiso: Hay, nawe uziphethe okomntana oyintombazana, yintoni enzima ekuthengiseni ezazinto bebaninzi kangaka abantu abatshaya umya eNew Section?

Sizwe: Ndiyagoduka mna ngoku, kaloku kusasa ndiya enkonzweni.

S’busiso: Yho, uz’libazisa ngecawe, endaweni yokuthengisa lamthunzi weenkukhu uphele! uTa-Sox uzakusuka afune imali yakhe.

Sizwe: Awunakundixelela wena, kuba nini abandisa ku Ta-Sox kwasekuqaleni, ndandingazani na Ta-Sox mna! Iny’into endiyithethayo qha mna, yekuba ngomso ndiya ecaweni; yindlela asifundisa ngayo umama leyo.

S’busiso: Ndiyithetha lento yokulawulwa kwakho ngumama.

Sizwe: Majita ndiyahamba ngoku, futhi andiqondi ukuba niza kundibona ngomso kuba ndizakuba ndixakekile imini yonke.

Lindile: Ungalibali ke ukuyiphatha lanto ngoMvulo esikolweni.

[USizwe uyagoduka. Ufike alungise izinto azakuzinxiba ecaweni, akugqiba aye egumbini lakhe lokulala ayokujonga isingxobo ebesinikwe ngu Ta-Sox. Xa efika ngaphantsi kwebhedi ufika singekho.]

Sizwe: (elugcwabevu ngumsindo) Sisipho!

Sisipho: Yintoni? Wandikhwaza kangaka.

Sizwe: Ungak’linge undibuze lonto. Iphi lento bendiyishiye phantsi kwebhedi yam? Khona ubugqogqa ufuna ntoni apha?

Sisipho: Akukho nto ndiyigqogqileyo mna, into endiyenzileyo kuqoqosha.

Sizwe: Kengoku, yintoni ethi susa izinto zam xa usenza yonke lonto?

Sisipho: Yintoni le ingaka ibiphantsi kwalebhedi?

Sizwe: Khona ukuba ibiyintoni! Futhi ndifuna uyikhangele uyifumane.

Sisipho: Ndikhangel’into endingayaziyo nokuba yintoni?

[Kungena umama wabo besaxambulisana njalo.]

Nokhanyo: Sizwe, kwenzeka ntoni?

Sizwe: NguSisipho mama, uyazenzela ezintweni zam engathethanga nam.

Sisipho: Andiyazi lento yakhe athi ndiyilahlile mama, kuba akukho nto ndiyenzileyo. Ndilahle nje izinto ebendicinga azizuphinda zisebenze mna.

Nokhanyo: Sizwe, yintoni lento yakho ilahlekileyo?

[Angaphendul’uSizwe, aphume aphindele eWhite Park elugcwabevu ngumsindo.]

Lindile: Yintoni? Wafika sewuthwel’umlomo, kwenzeka ntoni? Ubungathanga uyolungisa izinto zakho zokuya ecaweni?

Sizwe: Ndicaphukiswa ngulamntan’esandlini.

Lindile: Wenzeni?

Sizwe: Uzingenele egumbini lam lokulala waqoqosha ndingatshongo, ngoku zilahlekile eza zinto bendizifumene ku Ta-Sox, wakugqiba uthi akazazi.

Sbusiso: (othukile) Uyaziqonda ezazinto zixabisa malini? Zama ngandlela zonke umenze lamnta’kokwenu atheth’inyani.

Sizwe: Ndizakuzama. Ndithini ukuba uthi akazazi ukuba ziphi?

Lindile: Ayikho lonto! Uyayazi ukuba uzibeke phi, qha akafuni ukutheth’inyani. Menze atheth’inyani, okanye uyamoyika?

Sizwe: Akuba ndiyamoyika mfondini.

Lindele: Xa ungamoyiki menze atheth’inyani.

Sizwe: Ndiyagoduka majita, icebo ndizakulibona ngomso.

[Kunge Cawe. USizwe, noSisipho, kunye nomama wabo balungiselela ukuya ecaweni.]

Sizwe: Namhlanje ndizakukhawuleza ndihambe, ndifuna ukufika kwangethuba ecaweni.

Nokhanyo: Ayongxaki leyo.

[USizwe ushiya unina kunye nodade wabo besalungiselela ukuya ecaweni. Endleleni eya ecaweni uSizwe ugqitha eWhite Park kuS’busiso no Lindile.]

Lindile: Uzifumene ezanto?

Sizwe: Andikazifumani.

Lindile: Awunakuya ecaweni ungekazifumani ezazinto. Ininzi gqitha imali yazo, ngoku abantu basese caweni wena yibe ukhangela.

Sizwe: Unyanisile, mandiphindel’ekhaya ndiyokhangelisisa.

[Ajike uSizwe aphindele kowabo. Ufika umama wakhe kunye noSisipho sele bemkile beye ecaweni. Akhangele indlu yonke isingxobo esizele ngumya, kodwa angasifumani. Encamile ujonga ixesha, abone ukuba selimshiye kakhulu akanabasakwazi ukuya ecaweni. Emveni kweyure esahleli njalo uSizwe, kungena unina uNokhanyo sele evutha ngumsindo.]

Nokhanyo: (enomsindo) Sizwe ngoku uthi ufuna ukuhamba phambili ubuxel’uba ufun’ujika endleleni ungayi ecaweni?

Sizwe: Akuba bendingafun’ukuya ecaweni, bendifuna ukhangela esa singxobo ndizakusisebenzisa ngomso esikolweni.

Nokhanyo: Usifumene kengoku?

Sizwe: Andisifumenga, andisazi uSisipho usifihle phi.

Nokhanyo: Kutheni usithi sifihlwe nguSisipho?

Sizwe: Nguye ebeqoqosha phantsi kwala bhedi ndilala kuyo.

Nokhanyo: USisipho uthi akayazi lonto nje. Ngomso kuthwa ndiye emsebenzini ndifownelwa ngoku ndibuya ecaweni.

[KungoMvulo uNokhanyo ulungiselela ukuya emsebenzini, ushiya uSizwe no Sisipho belungiselela ukuya esikolweni.]

Nokhanyo: Ndiyahamba ke mna ngoku. Isitshixo zenisishiye kwa Manyawuza mhlawumbi ndingabuya ningekaphumi esikolweni.

Sisipho: Kulungile mama.

[Aphume uNokhanyo aye emsebenzini. Emveni kwemizuzu ephumile.)

Sizwe: Sisipho uzifihle phi eza zinto?

Sisipho: Ndithe kuwe andazani nazinto zakho mna.

Sizwe: Kanti uzakuzazi.

[USizwe athath’izinto zakhe zesikolo atshixele uSisipho ngaphakathi endlini aye esikolweni.]

***

Khawutsho: Ingaba kenzeke ntoni kwisingxobo sikaSizwe? Khona, uzakuphendul’athini ku Ta-Sox xa efuna imali yakhe?