[KukuloBusiswa, uMantsundu unexhala lentombi yakhe engade ibuye ngokuba sele kuhlwile.]

Mantsundu: (Ethetha yedwa) Hee! Hayi Mantsundu inokuba uhleli phi na lomntwana namhlanje? (Kukhala iimbiza) Abantwana bethu basithwalisa ubunzima ngamanye amaxesha kodwa. Yhoo!

Busiswa: (Engena emnayango) Hay’bo Ntsundu, ungade uthethe wedwa torho sendikhona.

Mantsundu: (Esothuka) kowu! Ubonkqonkqoza kaloku ntombi uyandothusa mna ngoku xa usuke umbonzeleke nje ngaphakathi.

Busiswa: Uxolo kaloku Ntsundu omhle!

Mantsundu: Uphuma kwesiphi ke ngoku ntombi enkulu?

Busiswa: (Ebudana) Yho! Hayi uyandiphoxa mama kodwa ngalombuzo wakho, ndingade ndiphume kwesiphi. Ngokungathi ndingumntu othanda ukuzula.

Mantsundu: Ndithini na mntwana wam kaloku, oko ndikugqibele ekuseni mna, kungona ndiphinda ndikubona ngoku. Ndithini ke ukungakubuzi ngalendlela?

Busiswa: Ohw! Ndisuka kuloYonela mama.

Mantsundu: Lamfana wakwa-Madlamini? Hayi niyinto ibila kwezintsuku, izipho nenyama inene. Ufika nithene chu ngezandla nithene ntsho ebusweni.

Busiswa: (Enentloni) Hayi noko asiyenzi leyo mama haybo!

Mantsundu: (Ephaka ukutya) Hayi wena ntombi yam yithi aniziqapheli ke ukuba niyayenza lonto, ungathi aniyenzi ngokuba thina bantu baqhele ukunibukela siyabona. Beniyokubonisana malunga nalonyaka uzayo neziphumo zenu?

Busiswa: Kunjalo kanye Ntsundu. Sifuna ukuphila amaphupha ethu kwaye siwenze afezeke.

Mantsundu: (Emnika ukutya) Ey! Sele kuhlwile mntwana wam masitye sizokulala.

Busiswa: Yho! Utsho ukuba ndifike ebusuku olohlobo na Ntsundu lento sele kulalwa ngoku?

Mantsundu: Hayi kanti mntwana wam, qha andiziva mnandi namhlanje, umqolo wam man iyhuu!

Busiswa: Hayi kuzakunyanzeleka ukuba ndikurabhe wakugqiba ukutya kaloko Ntsundu, yitya wena ugqibe ndikurabhe.

Mantsundu: Yho! Ukuzala kukuzolula ungatsho nje. Kulungile mntwana wam. Unjani phofu umadlamini yena, usaziphilela?

Busiswa: Ewe mama uyaziphilela, futhi akagugi lamama yhoo! Ufika ephuma engena kulandlu yakhe esebenza, ehlamba zimpahla, etshayela nebala. (Eqokelela izitya)

Mantsundu: Yheke mkhwekazi wam! Ubonise nomakoti abo benu ukuba wena nisakwazi ukuzenzela nina, futhi anixhomekekanga mntwini. Kaloku bangamavila mani ababantwana bazekwa ngoonyana bethu.

Busiswa: (Ehlamba izitya) Kowu! Saze salithwala ityala thina singabantu abatsha bubuvila bobethu, ziziyobisi zezethu, asinanto intle sikhe sifaniswe nayo kodwa thina.

Mantsundu: (Esiya egumbini lakhe lokulala) Ntombi yam khawume mani mna ndibeke icala ngoku ubuhlungu mani umzimba wam. Kaloku nina mntwana wam kufuneka nisele ninyamezela kulemfundo yenu ngokuba aninako ukumelana nemizi tu.

Busiswa: Hayi ngqengqa Ntsundu ndiyeza nam ndizokurabha ngoku.

Mantsundu: Kulungile mntwanam. Ngoku zithini iinjongo zalonyaka uzayo kaloku ntombi endala?

Busiswa: (Engena ephethe umrabho egumbini likanina) Ey Mama! Zizinto ebesithetha ngazo ke namhlanje phantse lemini yonke. Kodwa sifuna ukufunda mama.

Mantsundu: Hayi liyinene elo mntwana wam, imfundo lilifa lanaphakade elingasoze lithathwe nangubani na. Yeke, yiba ngathi uyaqiniseka apha phezu kwesinqa mntwanam sesona sibuhlungu kakhulu.

Busiswa: Kunjalo khona mama yona imfundo ibalulekile, ingakumbi thina bantu besisizukulwana sikhula kuso. Yonke into namhlanje ifuna imfundo, nemisebenzi ngokunjalo.

Mantsundu: Yeke, khawukhe undiyeke ke ntombi yam ndikhe ndiphumle kancinci ndiwumamele kakuhle lomzimba wam.

Busiswa: Hayi kulungile mama, nam imini yam ibinde kakhulu namhlanje ndlela le ndidinwe ngayo ndifuna ukukhe ndiyobeka amacala nam kwangoku.

Mantsundu: Hay’ke sobonana kusasa ke sana lwam, ulale kakuhle. Kodwa ungalibali ngomso sele iyilomini ke ntombi (eyihleka).

Busiswa: (Esiya egumbini lakhe) Kowu! Umntu angade azibulale ngenxa yakho ukuba akaqondi, umenza ixhala umntu yhuu! (Evala ucango egumbini ethetha yedwa) Khona kunjalo Ntsundu kusile khona ngomso futhi ifikile imini ibikade ilindelwe, umntu uzakuvuza akutyalileyo. Kowu! Uvalo lona ndinalo, inokuba ndiqhube njani bethu? Hay’suka ndade ndazixakekisa ngento endingasokuze ndiyiphendule ngaphambi kokuba ndibone iziphumo.

***

Yitsho: Ucinga kuzokwenzeka ntoni ngoku?