(Kusemzini ka Nokwakha, uSimthandile uhleli yedwa endlwini uthetha no Sipho kunomyayi wakhe. )

Simthandile: Sipho,Sipho,Sipho. Sundigqagqanisela ndilinde ndithethe Sipho! Sipho yima ndithethe, ukhona ngoku umntwana wakho ndimbeleke izolo. Ewe Sipho, ngowakho lo mntwana nawe uyayazi lonto. Sipho umama akanamali yokondla umntwana wakho. wawuthe mandimqhomfe Sipho. Andisayenzanga lonto ubuyifuna, ukhona kengoku. Uzothini Sipho ngomntana, ungumphandle? Ungumphandle Sipho? Inoba awuziva Sipho,Sipho, kanti njengobalo mntwana ungamfuni ndizokumthiya igama lakho Sipho! Ewe Sipho kanti uzakuba ngu Sipho ngoba siSipho sakho esi Sipho. Wawuthe uyandithanda Sipho. Awuziva! Sipho, Sipho (wawunyikinyela unomyayi wakhe sawugqiba wasitsho isikhalo, la mncedisa usana lwakhe. )

Nokwakha: Ntombam yintoni ngoku ingxaki ude ukhale kunye nosana lwakho?

Simthandile: Mama nguSipho, uthi akazukhulisa mntwana yena. Akanamntwana nam, mama ndizokumkhulisa njani lomtwana ndingenamali ngoku yokuthenga amanapukeni womntwana, yinto endizokuyithini lena mama?

Nokwakha: Uthi, uthini loSipho? Myeke mntwana wam ndizokumbonisa kelo mntwana njengokuba engabazi abantu.

Simthandile: Uthi ayingowakhe lo mntwana.

Nokwakha:Uyayiqonda lento ayenzayo ukuba izakumfaka engxakini, ngoba umntwana yingxaki nje ukuba akhule kodwa xa sele ekhulile wonke umntu uyamnqwenela. Njengoba uSipho ebekwazile uhlwayela imbewu, ebelindele kuchume ntoni? Heyi nzambonisa amaqhekezengqele njengokuba engazazi into zodlala ukuba zithengiswa evenkileni.

Simthandile: Hayi mama, myeke suku mshwabulela uSipho ndiyamthanda kwaye ndisafuna aphile ntonje makahoye umntwana wakhe.

Nokwakha: Yeyi Simthandile mna andizukondlela indoda endala umntwana wayo uyandiva, andinamali ngoku! Wawugqiba uthi mandimxolele lo Sipho wakho. Kanti Lungisa imithwalo yomntana sise impahla kunye nomntwana ka Sipho kuye, sohlukane nengxaki azibonele ukuba uzohlala njani nomntwana wakhe!

Simthandile: Mama ndithe mna ku Sipho makamyeke lomntwana, ndizokuzikhulisela umntwana wam.

Nokwakha: Uzakuzikhulisela ngantoni, Simthandile? Ngoba lo mntwana wakho unuka into endingayaziyo ngoku. Makaye kutata wakhe mani, amve xa enevumba ukuba nyani umntwana ufuna ukuhoywa.

Simthandile: Mama khawume kancinci ndiyokumlalisa lo mntwana ndizoyokuboleka imali ye nappies kunkosikazi ka bawo uQhinebe.

Nokwakha: Usithwele isikade kekhona umntwana womntu, kuyimigubo uyicelakuye, kuzisephu ngoku yimali yamanapukeni? (uNokwakha uthetha yedwa ekubeni uSimthandile ephumile, kuthi kusenjalo suke kunkqonkqoze uNdlela sele enxibe impahla ezintsha kraca kucaca gca ukuba sele ephumelele.)

Ndlela: Molweni mama.

Nokwakha: Molo Mhlekazi.

Ndlela: Kunjani mama namhlanje?

Nokwakha: Asiboniswanga zimbi mhlekazi, ndicela ukwazi ukuba ungubani nje ngoba ubuso bakho buqhelekile nje?

Ndlela: Mama ufuna ukuthi awuseva nelizwi eli lam namhlanje?

Nokwakha: Mhlekazi ndicela uzazise ukuba ungubani, mna undazelaphi. Mhlawumbi zezi dimasi uzinxibileyo ezi zindenza ndingakwazi mpela mhlekazi.

Ndlela: Mandincame ndizixele ngoba ndiyabona mama awusandikhumbuli mpela. Igama lam ndingu Ndlela, ndihlala apha eNdleleni, ukuba awukabi nomfanekiso wam ndingumcholwa.

( kwangoko unokwakha wadana, wathwala izandla entloko. )

Nokwakha: Uthini apha kum?

Ndlela: Mama ndithi ndingumcholwa, uNdleleni, unyana wolahleko, ngendiba ndithi unyana wengxhotho.

Nokwakha: Ndlela, nyana kudala ndikukhangela ecaleni kwe ndlela. kuthwa awusahlali khona nyana.

Ndlela: Ubundikhangela mama ecaleni kwendlela, ndaye ndathutha ndohlala eSea Point, ndathathwa ngumsebenzi kudala ecaleni kwala ndlela wawuthe likhaya lam.

Nokwakha: Nyana ndicela ungandibeki amatyala nyana, ndiyayazi andizange ndibe ngumzali olungileyo ngehlobo endenze ngalo nyana. uxolo mntwanam (embamba. )

Ndlela: Ndicela ungayibambi impahla yam mama, ngoba wena wakwazi undihlutha impahla ndiyinxibile wathi uSimthandile makangandiniki mpahla ngoba mna ndeza kwakho ndihamba nge bhayi elimdaka. Ndiyeke mama nangoku andizanga kuwe apha!

Nokwakha: Uze kubani Ndlela xa ubuyele kokwenu?

Ndlela: Ndizothatha umntasekhaya, ndimfunele indawo yohlala eSea Point. Uzohlala nam.

Nokwakha: Ndlela nyana uxolo, ndicela nyana ungavumeli umoya omdaka akutyhutyhe. Ndingu mzali wakho mntwanam, ndakukhulisa nzima.

Ndlela: Ndikuthanda kanye xa uzazi ukuba undikhulise nzima mama, ndilala ndiqamelele ngenyembezi ndivuke ngenyembezi mama. Undikhulise nzima nyani mama!

Nokwakha: Nyana wam ndiyakucela nyana undixolele.

Ndlela: Awuzange undisizele mama ndicela imali ebantwini endleleni, wena wayihlutha imali yakho ezandleni uSimthandile endinika!

(Kungene uSimthandile sele engxamile. )

Simthandile: Mama. Ndava amazwi athethela phezulu nibangisana ngantoni na mama. Molo mhlekazi.

Nokwakha: Simthandile asingomhlekazi lona umbonayo nguNdlela lona ntombam.

Simthandile: Bhuti Ndlela awusemhle mntasekhaya ( utsho sele elila inyembezi zovuyo. ) Ndiyabulela ukubona umhle kangaka mntasekhaya. Umkhulu bawo, yini simakade kunini ndikuthandazela mntasekhaya ukuba ubuyele ekhaya. Umama sele kukudala ekuxolele, ingqina izolo ebesithi ukuphuphile ubuyela ekhaya.

Ndlela: Akanonga ndiphuphi umama Simthandile, umama wayendiphethe okwenja. Ngoku andifuni noxolelwa nguye mna, makahlale endonyanya apha andizanga kuye. Ndizothatha wena Simthandile siyohlala edolophini eSea Point.

Nokwakha: Ndlela nyana (wasitsho iskhalo esikrakra. ) Ndixolele mntwana wam, uxolo nyana wam (ebambelela kuNdlela. )

Ndlela: Ndiyeke mama ka Simthandile, yohlukana nam.

Simthandile: Bhuti bendicela umxolele umama torho oyini bhuti wam, ngumntu wentliziyo umama ingema nangeliphi na ixesha intliziyo yakhe.

Ndlela: Inose ime lentliziyo undixelela ngayo Simthandile, intliziyo kamama engalunganga ecingela yena kunye nentombi yakhe. Umama akanankathalo ngomnye umntu, uhoye isiqu sakhe kunye nesentombiyakhe.

Nokwakho: Uxolo nyana wam, ndicela uxolo nyana ngentliziyo yam yonke nyana (ezibamba entliziyweni. ) Amanzi Simthandile mntwanam.

Simthandile: Bhuti xolela umama yambona kengoku uzakumgulisa ngentliziyo (emnika amanzi esela sawugqiba aphume uSimthandile ayothatha umntwana wakhe.)

Ndlela: Mama uxolo lwakho angeke ndibe nalo mna ngoba intliziyo yam, ikushwabulele kakhulu kwasekukhuleni kwam. Awuzange undiphathe kamnandi nango suku elinye ebendinokulikhankanya namhlanje, ndithi ndiyakuxolela ngenxa yento entle owandenzela yona ngosuku lunye. Awuzange undivulele kunetha imvula, wandilalisa emvuleni kodwa ingubo zikhona mama. Mama awuvelanga wadlakazela walihlwempu njengangoku, ubunemali mama mara ngoku uyadlakazela. (Aphose amehlo ache ku sana) Hayibo, kukhona nesana elincinci apha ekhaya khulu yazi ilwi elithi sukugezela izilambi xangabe uhlutha liyinyani ngoba sakuze siphindise isilambi mhla saze sanento ungenanto wena. Khona ela bhayi ndandiziswe ngalo mhla ndandicholwa emigqomeni ayililo eli, lombethe lo mntwana ngoku?

Nokwakha: Lilo nyana, ndicela uxolo ndakunyemba mntwana wam.

Ndlela: Ngenxa kaTshangisa owakwazi ukundichola ndingenakhaya, wandizisa emzini wakhe. Ewe mama ndiyakuxolela, ndiyakuxolela Mampondomise. Nangona ubungandithandi mama ndiyakuthanda, kodwa intlungu ondivise yona ungaze uphinde uyivise omnye umntu mama.

(Kwangoko babambana ndawoninye baxhawulana.)

Simthandile: Bhuti masiyeni eSea Point kaloku sihamba nini. (batsho ngentsini.)

(kuvela uSipho nomdaniso wokugqibela we Cape Town Dance Competition.)

Sipho:Side safikelela kulomhla wokuqala ku July, umnyhadala wethu ufikelele ekupheleni. Ngoku ke ndithi mandithi bekumnandi kakhulu kuzozonke iCompetitions ezidluliyo, amade ngawetyala. Mandibize umdanisi wethu ophumelele phambili kuyoyonke lemidaniso ibisenzeka apha eCape Town azibonakalise ukuba unqobe kanjani. Umanqoba wethu ngubani (batsho ngomdla abalandeli ngu Ndlela!)

(ubesele ukhalela phezulu umculo we gqomu kwangoku uSipho abhekele kungene uNdlela sele edanisa ngendlela emangalisayo, sawube egqibile kuqhwatyhwe izandla ngumntu wonke.)

Sipho:Enkosini kakhulu bahlali ngenxaso yenu, Ndlela ndanditshilo ndathi ndzokwenza isinhanha ngoku ke uya funwa eAmerica, uyafunwa nase Dubai andiyazi uzokhetha eyiphi uyeke eyiphi? Khawutso uva kanjani?

Ndlela: Ndiyabulela mhlekazi ngelithuba, ndinovuyo olungazenzisiyo. Ndifuna ukuthi kuye wonke umntu osakhulayo makangazi bambezeli, makazibandakanye kwizinto ezenziwayo lulutsha ukuze azokwazi ukufunda oko ebengakwazi ngoba akekho umntu osaziyo isiphelo sobomi. Mna ndiqale ndahlupheka ngoko mphefumlo kodwa namhlanje ndiphumelele. Nawe ungaphumelela, kodwa uxolo no thando luyafuneka libekhona kwikhaya ovela kulo ukuze nomntu ongalaziyo uxolo no thando alibone ngawe. Ndimxolele umama wam, nawe sukuhlala unesixhiba ngoba isixhiba siyayivala impumelelo.

(Kungene uSimthandile kunye no Nokwakha)

Nokwakha: Ndiyazidla ngawe nyana wam, ndiyathemba uTshangisa naye ulele ukuthula emadlakeni

(utsho enoncumo uNokwakha.)

Bherhi: Ndlela, Ndlela, well-done boy. I am so proud of you, ndiqonde mandize ndizokubamba isandla.

Ndlela: Labherheza kwezondawo! Mhlobam ndiyavuya ukubona, bendingakulindelanga ukubona kwelisuku lanamhlanje. Ndiyavuya kakhulu. Phumelelani bantwana base Africa, elilizwe lelenu. Wonke umntu uqale asokole ukuze aphumelele, kodwa elethu lithi: Intsokolo yakho mhla wazewaphumelela, isezakuba libali lakho, batsho sele besitsho bonke abadlali bebali.

***

Khawusixelele: Uziva njani ngalo mdlalo?