Nonqaba wam othandwayo ndim 🙂
Uyandazi indlela endingaphili kakuhle ngayo xa ungekho. I wish I can see you even just once, would make my life light. I love you.

[Lowo yayingumyalezo obhalwe nguPatrick kuFacebook. Wancuma uNonqaba akufumana lomyalezo watsho wavuka ukuze aphangele ebusuku njengamihla yonke.

Yahamba intombi yasemaCirheni ichwayitile ngaphakathi ukuya etorhweni layo. Yafika yaphangela ngokwesiqhelo, kodwa namhlanje yayinoncumo olupholileyo. Kungene umfo apha obonakala engumhambi kweli laseBhayi. Umfo lo wayenxibe isinxibo salemihla kucaca ukuba umfo lo unomzimba wembethi manqindi. Waqonda uNonqaba ukuba lo inoba ngowaseMonti kuba kulapho zikhoyo imbethi manqindi.

Wahlala lomfo kwisihlalo esingekude emnyango akugqiba wakhupha unomyayi kwisingxobo sebhulukhwe. Wajonga ixesha akugqiba waphakamisa isandla ebiza uncedo. Kweza ibhitywana lentombazana izijija ukuhamba oku ngokungathi iphethwe ludaka lwesinqe.]

Patrick: Ndicela undibizele lasisi ume phaya ngasedongeni endizele ngomva. Ndifuna yena amelane nam okwangoku.

Intombazana: Yi-supervisor yethu leya bhuti.

Patrick: Ndiyathemba uyawazi lomsebenzi. Ndifuna yena kanye apha andiphathele endikufunayo nditye.

[Lahamba elibhitywazana lafika lathetha nobelithunywe kuye. Yena uye wajika wajonga kuPatrick, wanqwala akugqiba weza kuPatrick.)

Nonqaba: Molo bhuti. Igama lam ndinguNonqaba. Ndingakunceda ngantoni ke bhuti wam?

Patrick: Molo nzwakazi. Ndicela amaqanda amabini, elinye libekrwada, lingaphekwa elesibini.

Nonqaba: Kulungile kebhuti, ukutya kwakho kuzoza apha.

Patrick: Enkosi mntwan’asekhaya.

[Wahlala nje ixeshana elingephi kwafika ukutya kwakhe. Watya nje kancinci wabiza uNonqaba ukuze ahlawule indleko. Wahlawula kuNonqaba akugqiba wathatha okwakhe phezu kwetafile waphuma ngomnyango.

[Kuthe kusemzuzwana ephumile waphinda wabhala ku Facebook wakhe

Just had a meal at my girl’s workplace. She served it to me and didn’t even know it.

[Waphuma nje waya kwisihlalo esiphandle wachopha imizuzu eyevisayo. Kuthe kusenjalo, waphuma uNonqaba elaqaza wajonga kulomfo enesikrokro nokumnakana. Waya kuye wema phambi kwakhe emjonge emehlweni.]

Patrick: Molo nzwakazi yam. Uzibuza imibuzo engaphendulekiyo ngam?

Nonqaba: Uxolo bhuti. Ndizise imali ebuye kuleya ubuhlawula ngayo.

Patrick: Enkosi Mamcirha wam, kodwa leyo ibiyeyakho kaloku.

Nonqaba: Ingaba uyandazi bhuti? Wandibiza ngesiduko ndingakuxelelanga.

Patrick: Ungunobangela wokuba ndibelapha namhlanje Nonqaba. Wena undazi ndiseKapa emsebenzini ngalenjikalanga.

Nonqaba: (wothuka kakhulu akumqwalasela wamkhumbula) Phuthi? Phuthi nguwe lo?

Patrick: In the flesh my baby.

Nonqaba: Kunini ndifuna ukukhe ndikubone ngamehlo am? (atsho emanga ngothando olukhulu. Wambamba kanjalo ixeshana elivisayo emnkonyile.)

Patrick: Nqaba yam. Andikwazanga ukungezi kuwe. Bekunyanzelekile ukuba ndikubone s’thandwa sam nokuba ngumzuzwana nje owodwa.

Nonqaba: Phuthi lam. Ufike nini apha eBhayi? Kwaye uhlala ndawoni? Ndingakubona njani mna?

Patrick: Ndifike kwiyure ezintathu ezidlulileyo. Andikabi nandawo ndihlala kuyo de ndazi ukuba ndamkelekile na kuwe.

Nonqaba: Baby wam. Namhlanje uzohlala nam kude kufike ixesha lakho. Ndiyaphuma emsebenzini kwiyure ezimbini.

Patrick: Ndizakulinda de uphume ke Nqaba yam. Ndiyakuthanda wena va, ungaze uyilibale lonto.

Nonqaba: Ndiyakuthanda nawe Phuthi lam.

Patrick: Okwangoku ndizohamba-hamba ndibone lendawo yenu. Ndizobuya ndizokulanda xa uphuma apha.

Nonqaba: Ngawume kancinci nje. (wakhawuleza wangena ngaphakathi uNonqaba. Emva kwemizuzu elishumi waphuma ezikhulule ezomsebenzi wanxiba ezakhe.) Singahamba kengoku siye apho ndihlala khona. Ndicele ukuphuma kwangoko emsebenzini bandivumele.

Patrick: Uqinisekile? (watsho enemincili lomfo kucaca ukuba unomdla wokubonana nalenzwakazi)

Nonqaba: Yiza sihambe. (yatsho imthi chu ngengalo lenzwakazi.0

[Bahamba umganyana nje omncinci bamisa isithuthi sikawonke-wonke. Sahamba sisothula ke isithuthi sada sothula nabo apho baya khona. UMazembe lo wena wayeqala ukuza apha eBhayi ngako oko wayexhomekeke ngokupheleleyo kuNonqaba lo.]

Nonqaba: S’thandwa sam sifikile ngoku.

[Laqala uvalo kuPatrick akucinga ngendawo akuyo. Ingqondo yakhe yathatha ibeka ingaphumli. Ingaba akuzufika zihlobo, isidala okanye abanakwayo lentombi bamlahlele ngaphandle eBhayi engazi mntu? Waqonda ukuba akukho kujika kwisigqibo sakhe ngoku. Wayilandela lentombi bayongena kokwayo. Bafika bahlala phambi kukamabonakude owayecinyiwe. Bajongana emehlweni kungekho uthethayo kubo. Wasuka uPatrick wamwola uNonqaba wambeka phezu kwakhe wamphuza esifubeni ngokucothayo. Banqabulana apho ixesha elide kungekho uthethayo, koko nje umlomo udibene nomnye.]

Nonqaba: S’thandwa sam, mandiqale ndikwenzele into etyiwayo. (Watsho evusa intloko).

Patrick: Igilasi yamanzi ilungile emva koko ndithobe ngawe. (Watsho lomfo encumile ejonge uNonqaba ngamehlo othando).

[UPatrick lo ngowaseMaqocweni eTranskei, kodwa uhlala eKapa apho indlu yakhe ikhoyo. Uxelenga kumzi wozakuzo laseBritani njengonogada. Wahlangana noNonqaba kuloFacebook kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo. Bahlobana ixesha elide emva koko bade bafundana ubunjani babo. Bobabini babekuthanda ukubhala imibongo ngezinto zonke.

[UNonqaba wayeyithanda kakhulu indalo nokusingqongileyo. Babesithi xa bedibene kubenzima ukubohlula. Babenendlela abathetha ngayo engaziwayo ngabanye abahlobo babo. UPatrick wayenothando ngokugqithisileyo kumntu amthandayo. UNonqaba naye wayengaziyekeli kwelakhe icala, ebathanda abantu. Ukubalapha oku uPatrick wayezobona uNonqaba emva kokuzibika kwakhe kuFacebook esaneka intliziyo yakhe.

[Yamkeleka intliziyo yakhe kuNonqaba kodwa bakhathazwa ngumgama ophakathi kwabo. UNonqaba ephangela kumzi weendwendwe eBhayi.]

[Waphakama uNonqaba wakha amanzi ngeglasi wanika uPatrick ukuba asele. Wathi akugqiba ukusela bahlala phantsi bondlala ingubo phambi kwesihlalo. UNonqaba wanaba phantsi waza uPatrick waqamela emathangeni akhe ukuze ubuso babo bujongane. Bancokola ke kumnandi kuhlekwa kuyilonto. UPatrick waziva ngathi ilizwe lonke lelakhe liphela. Kwakungekho nto inokubachukumisa apha kulomhlaba uhlabayo.

[UNonqaba wayemana ukuphulula indlebe kaPatrick yasekhohlo, loonto imenze ahanjelwe ligazi umzimba wonke kulomfana. Yena uthathe ingalo kaNonqaba wayibeka esifubeni sakhe. Ndlela le wayemthanda ngayo lomntwana wayengayithatha intliziyo yakhe ayithi thaca phambi kwakhe. Wasiphulula isandla sikaNonqaba emjonge emehlweni ngohlobo elalimenza abe yincwadi evuliweyo. Waziva ukuba umzimba lo uyabila kukufudumala kwemizimba yabo.

[Waziva enoloyiko lokuphatha lenzwakazi ngendlela ezobaxaka. Uthe akumjonga lomntwana wafika amehlo akhe endongo-ndongo. Wamwola wamsondeza ecaleni kwakhe esamjonge emehlweni. Wamphuza endlebeni ethatha ixesha lakhe ukwenza lonto. Wafaka isandla sakhe enqentsu ukuze amsondeze kuye. Wehla wonke uMamcirha wangqengqa ngecala phambi kukaPatrick. UPatrick wayifunda ivaliwe wamncamisa esifubeni embhekelisa umva ukuze alale ngomhlana.]

Nonqaba: Phuthi lam, kufuneka sikhusele into engekenzeki s’thandwa sam. Ndiyebuya ngoku my baby, yima kanjalo. (Waphakama wayotshona kwigumbi elingemva kwalendawo bakuyo. Kube yimizuzu eya phaya esixhenxeni wavela kwakhona wema emnyango.)

Nonqaba: Phuthi lam. Ndilungile xa ndinxibe kanje?

Patrick: (wafane wandwanya umfo wakwaJojo) Agh! Agh! Huh? Ewe… I mean yeah

[UNonqaba wayenxibe isikipa esifutshane esiphele apha ezantsi kweempundu. Umbala waso wawubomvana unemibhalo emhlophe. Wathi akumjonga emathangeni wafika lingathi zange lalibona ilanga. Wazifumana erhalela nje ukuliphulula nokuba kukanye. Wamjonga esifubeni wabona ukuba umntwana womntu ugcwele isifuba.

[Wolula isandla ukuze asondele kuye uNonqaba. Wanikina intloko umntwana womntu wasondela nje kancinci wema. Wakhulula isikipa wasiphosa phezu kukaPatrick owayegaqe ngamadolo ngoku. Kwavela isinxibo sangaphantsi esibomvu esiphethwe ngomgca omnyama yona yenziwe ngeleyisi. Ngentla wayenxibe impahla yamabele efana nesinxibo sangezantsi.]

Patrick: MamCirha, yiza kum kaloku ngoku. (watsho lomfo esolula izandla emjonga phantsi naphezulu.)

Nonqaba: Ndilandele s’thandwa sam siye egumbini lam.

[Bangena ke kwigumbi ebevele kulo uNonqaba bavala umnyango badlala ingoma epholileyo ka- Lenny Williams ethi Cause I love you.

[Bangena ke kweligumbi elisibane sibuthotywarha ukubaneka oku. Ukusuka emnyango ukuya esingqengqelweni uPatrick wayengasanxibanga. Wahlangabeza uNonqaba owayesame ngasemnyango emunca ucikicane encwine amehlo. Ufike wayiphakamisa lenzwakazi wayibamba ezandleni zakhe. Intokazi le wena yakhiwe nguMdali ngemini yokuphumla.

[Entloko iinwele ziphothwe okweliwetsha likhoyo. Ubuso bucikiziwe ngathi yingelosi kaSombawo ezulwini. Isandla sintofo-ntofo ngathi zizidlele zomntwana. Ukuza esifubeni amabele wawava uPatrick ukuba amtshova eziphikeni. Isifuba siyakhazimla ngathi sihamba amanzi omthombo wobom. Isisu esi sithe nca ngathi ulambile umntwana womntu. Ithanga limpuluswa ngathi zintsula zosana. Isinqa sakhe sasingathi ngunomeva kulamba isisu.

[Wambeka ngomqolo phezu kwesingqengqelo wangqengqa ecaleni kwakhe. Wamncamisa esiswini wenyuka naye esiya ngasevalweni. Wathi akufika phakathi kwamabele wathatha ixesha lakhe apho. Wajikelisa isandla ngemva wakhulula isinxibo sangentla. Wasikhulula wasiphosa ngezantsi kwabo. Waqhubeleka emncamisa isifuba sonke engangxamanga. Wava isandla sikaNonqaba simbamba enqentsu imnyusa ukuya ngasemlonyeni. Wathi akufika entanyeni waphinda wathatha ixesha lakhe emncamisa nasemva kwendlebe. Wathi akuva umfutho wokuphefumla kukaNonqaba endlebeni, wadlala ngendlebe yakhe phakathi kolwimi lwakhe namazinyo akhe.

[UNonqaba wajika intloko wajonga kuye emehlweni angathi angcwenge inyembezi. UJojo ujike wayijonga lenzwakazi engathi uyijonge ngaphakathi emphefumlweni wayo. Wayibona ukuba ngoku intombi kaNojaholo izinikele ngentliziyo yayo yonke ezandleni zakhe. Wambamba wambeka esifubeni sakhe uNonqaba ebona ukuba namhlanje ulufumene ubambo lwakhe. Wavusa intloko wamjonga emehlweni yena uNonqaba elele ngomqolo.]

Patrick: Nqaba yam, yamkela uthando lwam lufakwe entliziyweni yam efudumeleyo. Undincede ngento enye Mamcirha, ungayophuli intliziyo yam.

Nonqaba: Ndingowakho Phuthi lam, amaphupha am ngawakho. Ndikuthanda ngentliziyo yam yonke.

Patrick: Ndiyakuthanda nam my baby. (wanyukela uPatrick wazabela kwimpahla zekhaya ethatha ixetsha lakhe.)

Patrick: Sewulungile s’thandwa sam?

Nonqaba: Ndilungile mna (watsho embamba esinqeni emphulula phakathi kwamagxa. Watsho wanehlombe lomfo kaZikhali wamphakamisa intloko ngesandla esinye kwadibana amabunzi. Wamphulula apha ephangweni phantsi kwebele lasekhohlo ebumcofa. Wamleqa umntwana wabantu wayokumkhupha entanjeni sele engathi uyangqungqa uNonqaba.)

Patrick: Kulungile kuwe s’thandwa sam?

Nonqaba: Ndiye kwizulu lam ndaphinda ndabuya. Enkosi Jojo wam, ndiyakuthanda wena va.

Patrick: Ndiphe amanzi ke s’thandwa sam. Ubuye ungqengqe apha engalweni yam s’thandwa sam. Ndifuna ukumamela isandi sentliziyo yakho xa siphupha amaphupha ethu.

[Waphakama uNonqaba wayokha amanzi. UPatrick wamjonga uNonqaba ehamba oko wazalwa ukuya kwigumbi lokuphekela.]

Patrick: Ndiyayithanda indlela omile ngayo s’thandwa sam, indibetha ngaphakathi.

Nonqaba: S’thandwa sam, lomzimba ngowakho ngoku.

[Wabuya nawo amanzi wamnika yena walala engalweni yakhe. Wathula ejonge phezulu elele ngomqolo. Waphakamisa intloko uPatrick wamncamisa emlonyeni. Wabona ukuba lenzwakazi iyakha kulento yabantwana.]

Patrick: Uyalila Nqaba yam, ndithethe kakubi kuwe? Ndicela uxolo Nqaba yam yokuphumla…

Nonqaba: Ufuna ukundishiya wena. Uzophindela eKapa undishiye ndindodwa ndingenamntu. (yagixa lentombi madoda kucaca ukuba ihlinzeke ngaphakathi.)

Patrick: Nqaba yam, ndicela undimamele. Uyayazi imeko yam yonke nobume bam.

Nonqaba: Uyayophula intliziyo yam s’thandwa (wachopha ngoku walila iinyembezi ebambe isandla sikaPatrick.)

Patrick: Undenzani ngoku Nqaba yam? Undenzani ngoku mthunzi wam wokuphumla? Ndize nentliziyo yam kuwe ndithe yigcine ngoku uyayophula. Qamela apha esifubeni sam umamele ukophuka komphefumlo wam. Kuhlinzeka umphefumlo wam yinto oyithethayo kum.

[Waphakama wema phambi kwakhe wamvusa intloko ukuze amjonge emehlweni. Waphuza ebunzi nasemlonyeni akugqiba wamnkonya esifubeni sakhe, naye intliziyo ibuhlungu.]

Nonqaba: Ndiyayazi imeko yakho. Kodwa andikwazi ukuhlala ngaphandle kwakho ebomini bam. Ndithathe nam okanye ubuye sihlale apha sobabini sizonwabele.

Patrick: Ndilinde ke MamCirha ndiqale ndiphume indawo eyeyam, ukuze wena undilandele ngokwezigqibo zethu.

Nonqaba: (encumile ngoku kuvele nalomehlo akhe mahle kunene) Uqinisekile Jojo wam? Usahleli kwesasigqibo sethu?

Patrick: Ndikuthanda ngentliziyo yam yonke Nonqaba. Andibuboni ubom bam ngaphandle kwakho. Mna nawe sakufika ezinkwenkwezini nothando lwethu.

[Balala kumnandi kunjalo benkonyene ngathi balindele ukwahlulwa ebusuku. UNonqaba waziva ekwizulu lesithathu kukonwaba, engalalanga buhlayo. UPatrick wayengayikholelwa eyokuba ufumene intombi emthanda yena njengoko enjalo ingazimisele kumtshintsha. Waphuza isithandwa sakhe entloko nasembonjeni akugqiba wathi nca umntu wakhe esifubeni, kwathiwa chu sesisibini kusiyiwa ebuthongweni.]

***

Yitsho: Uwonwabele na lomdlalwana?