Iingoma ezithi ziculwe ngabantwana ngam:
“Umzi watsha, umziwatsha, khangla phaya, khangela phaya, umlilo, umlilo galel’amanzi, galel’amanzi.”
Kuyaziwa ukuba ndakugalelwa uzatsho ucikeke umlilo. Xa kutshayo wonke umntu uyazi ukuba umonakalo uzakuba mkhulu kakhulu, kunyanzelekile ucinyiwe kungekonakali. Batsho bonwabe abantu bonke kuba yenzekile intando yabo.
Nam kengoku nditsho ndibuyele emhlabeni apho kumele ndibuyele khona. Nayo ke indalo itsho yonwabe kuba umlilo awuyonakalisanga.
Zininzi izinto endithi ndizenze kulo mhlaba umiweyo, kodwa ayindim ndedwa owenza izinto ezintle. Ndingowokuqala ndikwamdala ngokokudalwa, kodwa ngenxa yokuba nam zange ndizidale ndandikwindawo yonke kukho ubumnyama phezu kwam. Kwaye kwenziwa njalo ke ukudalwa ezinye izinto.
*****
Umhlaba
Ndingumhlaba emhlabeni; ndiluthuthu. Ndisisivundisi, isichumiso kwabandilimayo. Ndingunozala ozala uhlaza olunika iziqhamo ngexesha elifanelekileyo. Yonke into ethi yenzeke yenzeka apha phambi kwam, okanye kum.
Ndingumhlaba ophilayo kwabahamba ngenyawo, kwaye ndinencasa kwizifuba zabo. Kwabalele ukuthula, hayi ubuhle bendalo. Kuba yonke into yasekelwa apha endalweni, yiyo lonto kuthiwa okwehlabathi kuza kubuya kuphele apha ehlabathini.
Ude athi xa ethetha unobalisa, iyandixaka indlela ochume ngawo kulonyaka, ndixakwe kengoku ukuba yonke into ethi yoyilwe yoyilwa ngothando nenkathalo. Kutsho kuvele iziphumo ezihle kengoku, uhlaza ke lona lunike iziqamo ezahluka-hlukene kumasebana azo.
Ndiyindalo emi naphakade, kode kubuyele kum konke ebekuphela kum. Hayi ubuhle bendalo bona ubuzakuthi zikhona iimbalela kodwa indalo uzakufika yona ithule, yenza lento bekumele iyayenza ngenxesha ekulilo.
Umhlaba yeyona nto ebalulekileyo kuba yonke into ephilayo, ebhabha phezulu emoyeni, ehamba phantsi emhlabeni, kwanehlala phantsi komhlaba, iphila emhlabeni. Izizwe, ulwandle, iintaba kunye namatye asingathwe ngumhlaba, ikwakulomhlaba umnye siphila kuwo.
Athi keyena unozala ozala uhlaza avuye ngokwenene kuba yonke into ayenzayo ngeyokuba aqhubeleke echumisa ngokwenene. Inyoka enkulu egqumayo xa ithanda umlambo ukutsho imenze wathamba kwaye nezibungu eziphila kuye zanendlela yokuba zidle ubomi obumangalisayo. Kaloku yonke into ephila apha emhlabeni iye ifune into yokuba ingafumana intwana yamanzi noba lithontsana.
Uzakuthi uhamba phantsi kwamatyholo amnyama, asabeka ngeyona ndlela ongeke ukwazi nokuyixela, kodwa into ozakuthi uyive ziintlobo-ntlobo zemiculo emyoli ude ungazi nokuba ingaba zintaka zodwa nokuba ayathwetyulwa. Mhlawumbi yiyo nanto obizelwa ngayo lena yalomculo. Kanti ziintakana nje ezivuyela nezonwabele intsuku zazo zokuphila emhlabeni.
***
Yitsho: Ucinga ntoni ngalencoko?