Indalo yinto ephilayo kwaye nesizukulwana esizayo sizakuyibona kuba sizakufikela apha endalweni. Lakufika ixesha lokuba libuyele endalweni kwenzeke njalo, kuba kaloku singumhlaba emhlabeni, siluthuthu ethuthwini.

Ingca
Ndinombala oluhlaza apho ndifumaneka khona, kwindalo ekunomhlaba khona. Ndiyingubo esisondlo kwizilwanyana eziphila phantsi komhlaba nangaphezulu kwawo. Zithi zakufika iinkqwithelo zobomi undibone ndibukeka ngolunye uhlobo ongekhe ulithande xa ulazi uhlobo endibukeka ngalo xa iimvula zehlobo zisina.

Kodwa ngamanye amaxesha uye undibone ingathi kukuphela kobomi bam, yazi ke mhlophe ukuba ixesha lonyaka litshintshile. Abanye abantu uye ubone ngokuba baye baqale into ebuhlungu, abangacingi ukuba ndiluncedo kwizinto zonke eziphila kulomhlaba. Ukunditshisa ngomlilo akuloncedo kuba izilwanya ziye ziswele into yokutya.

Atsho angakwazi ukuphila ngenxa yento eziyityile ebizwa “ngohlungu”, bayebathi abanye abantu ziphunzile.

Ndiyintokazi evuma yonke into. Ethi ifune ukuba itye mna nangeliphi ixesha, ndimnandi kwaye ndisisondlo esiphambili kwizilwanyana.

Ndenza owona ungumangaliso umsebenzi kuba mna lo ndingulona kaloku umbathise umhlaba. Kwaye umhlaba lona ndiwumbathisile kwawona uyakwazi ukuthi undincede kwamna.

Kaloku ngelilixa mna undibona ndincumile, ndibukeka kakuhle kwaye ndibukeka luhlaza, kungokuba umhlaba wonwabile, uyaqhubeka ukutyeba ngaphantsi kwam. Nezibungu eziphila emhlabeni zikwazi ukuthi ziqhube ziphile, zisitya ezongcanjana zam zithambileyo. Ziphinde zizibuyisele kwasemhlabeni, zibizwe ngo kuthi ngumgquba. Utsho umhlaba undenze ndizive ndondlekile.

Eluntwini ndiluncedo olukhulu kuba kaloku abantu bakhe namakhaya abo apho umntu azakuhlala khona nabantwana bakhe kwaye nemfuyo yakhe. Eloxesha indlela abandisika ngayo ilahlisa ithemba lokuba ndakubuya ndikhule kwakho. kodwa ndinento endiye ndiyithembe kukuba yonke into iyadlula, futhi kuzakulunga ngenye imini kuba mna andililahli ithemba.

Bathi ke bakugqiba ukundisika bandithathe bayokwenza izindlu zabo, benze amakhaya abo afudumele.

*****

Amanzi
Ndiziva ndiphila, ndiphilela ukunceda yonke into ephez’komhlaba kuba ndisisiphiliso solomiso kwinto yonke. Ndiyimpilo kwaye ndiphilela ukusetyenziswa nayinto ephilayo, ehambayo, emileyo ndiyayinceda nayo.

Ndima kwindawo ngeendawo, ngelolixa ndimileyo ndiyanceda. Ndisisibuko esihle kwabazi jonga kum kwaye ndisisiselo esimnandi kwabanxaniweyo.

Amanzi ligama lam. Ndibukeka njengenyoka ukubhijela iintaba, namathafa amahle. Ndingulo izilwanyana ezihlala kum ezinobungozi nezingenabungozi. Kuba ezinye izinto zidalelwe ukuba zihlale ziphile apho ndihamba khona nalapho ndime khona. Ndiluncedo olumangalisayo kuba ndinceda yonke into edaliweyo.

Nekufunwa ukuba yenziwe mna andikhalazi kuba ndiyindalo ezakubuyela kwasendalweni.

Into entle ngam yinto yokuba ndingumthombo ompompoza amanzi acwengileyo okuselwa kwabanxaniweyo. Kwaye ndiyinto yokuqala ekudalweni, yiyo lento ubona ndiyinto esebenzisana nazo zonke ezinye izinto kulomhlaba. Ngenxa yoko ndiyazi ukuba nam andiyonto ngaphandle kwezinye izinto ezikho kulomhlaba.

Uyabona ke, njengok’ba ndiyinto ebalulekileyo kwinto yonke, mna ndiye ndivuye kakhulu xa izilwanyana ziza ngobuninzi ukuzo’sela kum xa zinxaniwe. Imbambano yethu siyindalo kukuba omnye uphila komnye, akekho okwazi ukuziphilela ngaphandle komnye.

Intakana ziyakwazi ukuthi zize kum xazifuna ukwakha izindlu zazo, ezinye azenzi zindlwana zazo ngoboya benye. Ukuze zikwazi ukunidisebenzisa kufuneka zilufake amanzi zenze udaka. Ziqale kengoku ukwakha izindlu zazo apho zizakuthi zizalele khona amaqanda azo, zakugqiba ziphinde zikhulisele amantshontsho azo khona.

Usuke kwizilwanyana uze ebantwini. Umntu okokuqala phambi kokuba adalwe kuye kwathathwa umhlaba wabunjwa. Yinto entle ke leyo kuba yenye yezinto ezintle emhlabeni. Yiyo lento abantu bakuqala bebeye baze apho kum bazokuhlamba imizimba yabo.

Ubuhle bendalo yeyona nto eza kuqala ebomini bam. Kuba kaloku kwa mna ndihamba ngaphezu, kwa futhi ndiphe ndihambe ngaphantsi kwawo umhlaba. ngokuba nam ndincedwa zizilwanyana ezizihlala apha kum.

Abantu baye babuvuyele kakhulu ubukho bam kuba ndiluncedo kakhulu kubo. Xa bephekayo ukutya kwabo, xa benxaniwe baye baqonde mhophe ukuba kumele basele amanzi – ndim kelowo.

***

Yitsho: Usebanzisa eyiphi kakhulu phakathi kwamanzi nomhlaba?